IBHILI
Ukubonelela ngokhuseleko nolondolozo lwendalo/imimandla elulutho kokusingqongileyo, lweendawo ezo eziluphawu lokwahluka-hlukana neentlobo-ntlobo zendalo kwelo Mzantsi Afrika, kunye namathambeka omhlaba kananjalo nemifanekiso yezilwandle, ukulungiselela ukusekwa koluhlu olubhaliweyo likazwelonke lazo zonke iindawo ezikhuselekileyo zengingqi ezephondo kwanezikazwelonke, ukulungiselela ulawulo lwezo ndawo ngokuhambisanayo nemigaqo-nkqubo nemigangatho yesizwe kwaye oko kungathi kananjalo kulondoloze ukuhlala kwaloo mimandla ikwimo yendalo yayo, kwenze igalelo kwinkqubela-phambili yoluntu, ezentlalo, ezenkcubeko, ezomphefumlo nakwezoqoqosho yaye kwananjalo zivumele ukusetyenziswa ngokuzisebenzelayo kwemithombo yendalo neyemvelaphi, ukulungiselela intsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente nolwabelwano-ngezimvo zoluntu kwimibandela engqamene neendawo ezikhuselweyo, ukulungiselela ukuhlala zihleli zingaphelelwa, ulawulo lukarhulumente nemisebenzi eyeyeNdawo zoLondolozo-Ndalo yeloMzantsi Afrika, nangokubhekiselele kwimibandela engqamene noku.
ULUNGISELELO LAMACANDELO
ISAHLUKO 1
Ukutolikwa, iinjongo, nokumiselwa koMthetho
Iinkcazelo
Iinjongo zalo Mthetho iTrasti kaRhulumente yemimandla ekhuselekilyo
Ukumiselwa kwalo Mthetho
Ukumiselwa kwalo Mthetho wokuPhathwa kokusiNgqongileyo kweSizwe
(Ukumiselwa koMthetho weyantlukwano kwindalo kwimimandla ekhuselekileyo)
Ungquzulwano neminye imithetho
Isimo somthetho wephondo kwimimandla ekhuselekileyo yephondo neyeNgingqi
ISAHLUKO 2
INKQUBO YEMIMANDLA EKHUSELEKILEYO EMZANTSI AFRIKA
Iindidi zemimandla ekhuselekileyo
Izithethe nemigangatho
Imimandla ekhuselekileyo yephondo
Iziza zeLifa lesizwe
Imimandla ekhuselekileyo yaselwandle
Imimandla eyodwa ekhuselekileyo yamahlathi, oovimba bendalo bamahlathi nemimandla yamahlathi yasendle
Imimandla yasezintabeni
ISAHLUKO 3
ISIBHENGEZO SEMIMANDLA EKHUSELEKILEYO
Isizathu sokukhusela imimandla
Inxenye 1: Oovimba ababodwa bendalo
Isibhengezo soovimba ababodwa
Ukuyekiswa kwesibhengezo okanye ukususwa kweendawo zoovimba ababodwa
Isibhengezo seePaki zesizwe
Ukuyekiswa kwesibhengezo okanye ukususwa kweenxenye ze paki zesizwe ukwalathelwa kwepaki zesizwe njengemimandla yasendle
Inxenye 3 Oovimba bendalo
Ukubhengezwa koovimba bendalo
Ukuyekiswa kwesibhengezo okanye ukususwa kweenxenye yoovimba bendalo
Ukwalathelwa koovimba bendalo njengeendidi ezichaziweyo
Ukubekwa koovimba bendalo njengemimandla yasendle
Isaziso esiza kunikwa uMphathiswa wesibhengezo sephondo
Inxenye 4: Ukukhuselwa kokusingqongileyo
Isibhengezo sokukhuselwa kokusingqongileyo
Ukuyekiswa kwezibhengezo okanye ukususwa kweenxenye zokukhuselwa kokusingqongileyo
Isaziso esinikwa uMphathiswa wezibhengezo zephondo.
Inxenye 5: Inkqubo yokucebisana
Ukucetyiswa nguMphathiswa
Ukucetyiswa liLungu lesiGqeba loLawulo lwemicimbi yokusingqongileyo
Ukuthatha inxaxheba kwabantu
Imibutho echaphazelekayo karhulumente, uluntu, nabanelungelo
Inxenye 6: Jikelele
Ukuqaliswa kwezibhengezo
ISAHLUKO 4
UKUPHATHWA KWEMIMANDLA EKHUSELEKILEYO
Ukumiselwa kwesi Sahluko
Inxenye 1: Ukuphathwa kwamagunya nezicwangciso zokuphatha
Amagunya aphetheyo
Ukulungisa izicwangciso zokuphatha
Imiqathango yokuphatha
Izicwangciso zokuphatha
Ukuphathwa ngokudibeneyo kwemimandla ekhuselekileyo
Inxenye 2 : Ukujonga nokulawula
Izalathi msebenzi
Ukuphelisa isigunyaziso sokukhusela imimandla ekhuselekileyo
Inxenye 3: Ukufikelela kwindawo ezikhuselekileyo
Ukukwazi ukufikelela koovimba ababodwa bezendalo
Ukukwazi ukufikelela kwipaki zesizwe, oovimba bendalo, neziza zelizwe zelifa loLuntu
Ukusetyenziswa kwe nqwelo-ntaka helicopter kovimba bendalo besizwe, iipaki zesizwe okanye iziza zehlabathi zeLifa loLuntu
Inxenye 4: Ukusika imida
Iintshukumo ezithembisayo nezasemigodini kwimimandla ekhuselekileyo
Imigaqo yokusikwa kwemida yemisebenzi koovimba bendalo ababodwa, iipaki zesizwe kunye noovimba bendalo
Imisebenzi yentengiso neyoluntu kwii paki zesizwe,oovimba bendalo nakwiziza zelizwe zeliFa loluNtu
Umgaqo okanye ukusika imida yophuhliso okanye eminye imisebenzi kokusingqongileyo okukhuselekileyo.
Imigaqo yangaphakathi
Amalungelo athile nezihloko emazihlonitshwe
ISAHLUKO 5
Inxenye 1: ukuqhubekeka nokuphila, imisebenzi namagunya eePaki zeSizwe zaseMzantsi Afrika ukuqhubekeka nokuphila
Imisebenzi
Amagunya jikelele
Inxenye 2: Ibhodi elawulayo, ukwakhiwa nobulungu
Ukwakhiwa
Iziqu zezifundo
Inkqubo yengqesho
Usihlalo
Iimeko zengqesho
Ukuziphatha kwamalungu
Ukupheliswa kobulungu
Ukuphuma e-ofisini
Ukuzaliswa kwezithuba ezingenabantu
Inxenye 3: Inkqubo yokusebenza kweBhodi
Iintlanganiso
Iinkqubo iKhoram nezigqibo
Iikomiti
Ukwahlulwa kwamagunya nemisebenzi
Inxenye 4: Ukulawulwa kweePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika
Ukuqeshwa kweLungu lesiGqeba eliLawulayo
Ukukwazi ukuphendula kwezezimali
Iimali
Utyalo-mali
Ingxowa-mali Yokufumana Umhlaba wee Paki zase Mzantsi Afrika
Inxenye 6:Jikelele
Amandla okucebisa oMphathiswa
Ukungabikho kweBhodi esebenzayo
ISAHLUKO 6
Ukuyekiswa kokusetyenziswa kwamakhoboka ,nokuba namalungelo abucala, okanye kumhlaba karhulumente.
Ukuyekiswa kokusetyenziswa kwamakhoboka, ukuba namalungelo abucala, nakumhlaba weePaki zeSizwe zaseMzantsi Afrika
Imali
ISAHLUKO 7
UKULAWULWA KOMTHETHO
Ukumiswa kwemithetho nguMphathiswa
Ukumiswa kwemithetho liLungu lesiGqeba sokuLawula
Jikelele
Ukwandiswa kwamathuba
ISAHLUKO 8
AMATYALA NEZOHLWAYO
Amatyala
Izohlwayo
ISAHLUKO 9
Ukuguzulwa komthetho
Ukugcinwa kwemali
Isihloko esifutshane nokuqaliswa
ISAHLUKO 1
UKUTOLIKWA , IINJONGO NOKUMISELWA KOMTHETHO
Iinkcazelo
(i) Kulo mthetho ngaphandle kokuba ingxam ithetha enye into ifuna u-
inqwelo-ntaka" ithetha umashini obhabhayo owalo naluphi na uhlobo ,nokuba iya zihambela okanye hayi kwaye idibanisa nehovakhrafti
iyantlukwano yeentlobo -ntlobo zendalo" ithetha iyantlukwano phakathi kwezinto eziphilayo kumajelo onke naphakathi kwezinye kwezomhlaba, kwezeelwandle, nezo zihlala emanzini okanye ecaleni kwamanzi ,ezo zidibanisa-
iyantlukwano kwizinyana iyantlukwano phakathi kwezinye,kwakhona iyantlukwano kwinkqubo zoluntu nezokusingqongileyo.
amajelo endalo" ithetha nawaphi na amajelo abandakanya-
isilwanyana esingaphiliyo nesiphilileyo, isityalo okanye nayiphi na enye into enezinto zendalo esivela kwisilwanyana esinjalo, isityalo okanye nayiphi na enye into echazwe kwicandelo 1 woMthetho weyantlukwano yezinto zendalo iBhodi" ithetha iBhodi yeePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ibhekisa kwicandelo 57 elilawula iiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika.
iGosa lesiGqeba loLawulo" lithetha iGosa lesiGqeba loLawulo eliqeshwe ngokwemigaqo yecandelo 72
Abathunywa" ngokubhekiselele emsebenzini, odibanisa nokuyalelwa ukuba wenze umsebenzi iSebe" ithetha iSebe leMicimbi yokuSingqongileyo noKhenketho;
uMlawuli-jikelele" ithetha uMlawuli-jikelele weSebe
Ubunjani besifundo sobudlelwane phakathi kwezinto eziphilayo nezo zokusingqongileyo" ithetha ubungakanani bezendalo bezomzimba, namachiza nobudlelwane bawo ekugcineni iimveliso, imisebenzi kunye nezinye ezizezazo.
Ubudlelwane phakathi kwezinto eziphilayo nezo zokusingqongileyo" kuthetha ubukhulu bezilwanyana, izityalo kunye ne micro-organism kunye nokunxibelelana kwayo nokusingqongileyo okungaphiliyo njengenxenye esebenzayo.
uMphathiswa, ibhekisa kwiGazethi kaRhulumente, kwakhona kuMphathiswa onoxanduva le mimandla ekhuselekileyo kwiphondo,ithetha iGazethi yePhondo kwelo phondo indawo yokuhlala" ngokubhekiselela kwizinto ezithile, ithetha indawo okanye uhlobo lwesiza apho ezo nto ziphuma khona ngokwendalo izinto zakudala" ngokubhekiselele kwimimandla ethile ekhuselekilryo, ithetha izinto ezenzeke okanye ezinembali, ngokwendalo kwisizwe esikhululekileyo kulo mmandla uthile okhuselekileyo, kodwa ungazifaki izinto ezikhutshwe kulo mmandla ukhuselekileyo ngenxa yentshukumo yabantu.
Uluntu lwesiphaluka" luthetha naluphina uluntu lwabantu oluhlala okanye olunamalungelo okanye umdla kummandla othile
Ummandla okhuselekileyo wesiphaluka" uthetha uvimba wendalo okanye okusingqongileyo okuphethwe ngumasipala okanye inxenye kamasipala;
Ukuphathwa" ngokubhekiselele kummandla okhuselekileyo, odibanisa ulawulo,ukhuselo ,ukugcina ukulondoloza nokuvuselela imimandla ekhuselekileyo kuthetha ukusetyenziswa nokutsala amajelo endalo, imisebenzi esekelezelwe kuluntu , neza kunceda imisebenzi ekwabelwana ngayo.
Igunya lokuphatha" ngokubhekiselele kummandla okhuselekileyo ,lithetha i-organ yesizwe apho likhoyo igunya lokuphatha ummandla okhuselekileyo.
iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva leendawo ezikhuselekileyo" ithetha ilungu lesiGqeba loLawulo lephondo apho isikhundla semimandla yokhuselo kwiphondo sifumaneka khona.
UMphathiswa" ithetha ilungu lekhabhinethi elinoxanduva likuphatha okusingqongileyo lwesizwe.
uMasipala" uthetha umasipala osekwe ngokwemigaqo kaRhulumente wesiPhaluka: uMthetho weZakhiwo zikaMasipala ( uMthetho No. 107 wowe 1998)
uMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe" uthetha uMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe. ( uMthetho No. 107 wowe 1998)
Imigaqo yokuphathwa kokusingqongileyo kwesizwe" ithetha imigaqo ekwicandelo 2 loMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe;
a ummandla obuyi paki okanye ipaki ekhontrakthiweyo ngokwemigaqo yoMthetho wePaki yeSizwe uMthetho No. 57 wowe 1976 ngoko nangoko emva kokuguzulwa kwalo Mthetho licandelo 92 i lalo Mthetho;
ummandla ibingowophuhliso lwedama ngokwemigaqo yoMthetho woPhuhliso lweMimamdla yamaDama,wowe 1975 uMthetho No. 39 wowe 1975 ngoko nangoko emva kokuguzulwa kwalo Mthetho licandelo 92 1 lwalo Mthetho; okanye b Ummandla obhengezwe ngokwecandelo 20 1 njengepaki yesizwe, kwakhona edibanisa ummandla obhengezwe ngokwemigaqo 20 njengenxenye yommandla ekubhekiswe kuwo kumhlathi a ,b okanye c apha ngasentla;
imimandla ekhuselekileyo yesizwe" ithetha-
uvimba wendalo owodwa ipaki yesizwe,okanye uvimba wendalo,okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo-
ephethwe yinxenye yesizwe; okanye ephantsi kolawulo loMphathiswa ngaso nasiphi na esinye isizathu uvimba wendalo" ithetha-
a ummandla obhengeziweyo ngokwemigaqo yecandelo 231 njengovimba wesizwe; okanye ummandla othe ngaphambi okanye emva kokuqalisa kwalo Mthetho wathi okanye wabhengezwa okanye walathwa ngokwemigaqo yomthetho wephondo onokuthi lo mmandla ngokwemigaqo yecandelo 23 ( 2) ubhengezwe njengovimba wendalo odibanisa ummandla obhengezwe ngokwemigaqo yecandelo 2310 njengenxalenye yommandla ekubhekiswekuwo kumhlathi a okanye b apha ngasentla organ of state" unentsingiselo eyinikiweyo ngokwecandelo 239 lalo mgaqo-siseko ukuchazwa" kuthetha ukuchazwa nguMphathiswa ngokwemigaqo yecandelo 86 ;
imimandla ekhuselekileyo" ithetha nawuphi na ummandla okhuselekileyo ekubhekiswa kuwo kwicandelo 9, kodwa apho lenkcazo isetyenziswa kwilungiselelo lalo Mthethoothi ngokwemigaqo yecandelo 13 , 14 ! 5 okanye 16 engabhekisiyo kummandla okhuselekileyo lalo mmandla ukhuselekileyo, ewukhuphayo kwelo lungiselelo ummandla wolo hlobo lunjalo.
Okusingqongileyo okukhuselekileyo" kuthetha-
ummandla obhengezwe ngokwemigaqo yecandelo 28 njengokusingqongileyo okukhuselekileyo; okanye b ummandla obuthe ngaphambi okanye emva kokuqaliswa kwalo Mthetho wa okanye ubhengezwe okanye walathelwe ngokwemigaqo yecandelo 28 2
ibhengezwe njengokusingqongileyo okukhuselekileyo, okudibanisa ummandla obhengezwe ngokwemigaqo yecandelo 28 njengenxalenye yommandla ekubhekiswa kuwo kumhlathi (a) okanye ( b) apha ngasentla;
ummandla okhuselekileyo wephondo" uthetha-
uvimba owodwa wendalo" uthetha ummandla obunguvimba wendalo owodwa ngokwemigaqo yecandelo loMthetho wokuGcinwa kweSizwe uMthetho No.73 wowe 1989, ngoko nangoko phambi kokuguzulwa kwecandelo 18 lalo Mthetho licandelo 92 1 lalo Mthetho; okanye ummandla obhengezwe ngokweigaqo yecandelo 18 njengenxenye yommandla ekubhekiswe kuwo kumhlathi (a) okanye (b) apha ngasentla;
nawuphi na umthetho owenziwe ngokweigaqo yecandelo 86 okanye 87
nasiphi na isaziso esipapashwe ngokwemigaqo yecandelo 11, 18 ,20 , 21, 22,23,24 , 25, 26, 28, 29, okanye 51;
lo Mthetho" udibanisa nawuphi na umthethwna okhutshwe ngokwemigaqo yelungiselelo lalo Mthetho.
ummandla wasendle" uthetha ummandla obekiweyo ngokwemigaqo yecandelo 22 okanye 26 ngesizathu sokugcina imo yayo imo yangaphandle , okanye kukwazeke ukuyigcina injalo ,ithi injalo ingabinakuphuhliseka nandlela , ingakwazi nokwenziwa uphuculo olungazo kutshintsha okanye ibe yindawo yokuhlala abantu.
Isiza selifa lelizwe" lithetha isiza selifa selizwe ngokwemigaqo yoMthetho wokuGcina iLifa leLizwe, sowe 1999( uMthetho No. 49 wowe 1999)
Kulo Mthetho, amagama okanye izikhuzo ezichazwe kwicandelwana linentsingiselo ebhekisele apha ngaphandle kokuba ingxam ithetha enye into.
Iinjongo zalo Mthetho
Nanzi iinjongo zalo Mthetho-
Ukubonelela , kuphahla lomthetho wesizwe, kudibanise noMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe, ngokwesibhengezo nokuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo kwakhona
Ukubonelela ngokulawulwa okunentsebenziswano kwisibhengezo nakukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo;
Ukwenza uvakalelo kwinkqubo yesizwe yemimandla ekhuselekileyo eMzantsi Afrika njengenxenye yendlela yobuchule yokuphatha nokulondoloza iyantlukwano kwezendalo;
Ukubonelela ngentsebenziswano kwimimamndla ekhuselekileyo kumhlaba karhulumente, umhlaba oecaleni nakumhlaba woluntu, kwakhona
Ukubonelela ngokwenza zihlale zikhona iipaki zeSizwe zoMzantsi Afrika.
Ukuzalisekisa amalungelo aqulathwe kwicandelo 24 loMgaqo-siseko, uzwelonke unamalungu karhulumente okumisela umthetho obhekiselela kwimimandla ekhuselekileyo ekufuneka athi-
asebenze njengamatrasti emimandla ekhuselekileyo kwiRiphabliki ; kwakhona amisele lo Mthetho ngokudibene nabantu ukuze akwazi ukufumana loo malungelo
Ukumiselwa kwalo Mthetho
Lo Mthetho -
ubhekisa kuyo yonke imimandla ekhuselekileyo kwiRiphabliki ngoko hlobo echazwe ngalo kuloMthetho
Okunye
Udibanisa onke amabutho karhulumente-
kumgangatho karhulumente wesizwe nakoweengingqi kumgangatho karhulumentewamaphondo, ngokulawulwa licandelo 146 lo Mgaqo-siseko
UkuMiselwa koMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe
tolikwe uze umiselwe ngokwemigaqo yokuphathwa kokusingqongileyo kwesizwe; kwakhona fundwe ngokwamalungiselelo oMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe.
Isahluko 4 soMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe sibhekisa kwisndululo seempixano evela ekumiselweni kwaloMthetho
Ukumiselwa koMthetho weyantlukwano kwimimandla ekhuselekileyo
Ukumiselwa koMthetho weyantlukwano kuyo yonke imimandla ekhuselekileyo
a minye imithetho yesizwe, candela laloMthetho liya sebenza ukuba ngaba l o mpixano ibhekiselele kukuphathwa okanye kuphuhliso lwemimandla ekhuselekileyo b mthetho wephondo , kufuneka impixwano isonjululwe ngokwemigaqo yecandelo 146 loMgaqo-siseko ;kwakhona
mthetho kamasipala, kufuneka icandelo lalo Mthetho lisebenze
Xa kuthe kwakho impixwano phakathi komthethwana okhutshwe ngokwemigaqo yaloMthetho;kwakhona-
Ngokokumiselwa okukuko kwecandelwana (b) kufuneka uMphathiswa athi ngokwemigaqo yecandelo 145 loMgaqo-siseko angenise yonke imithethwana ekhutshwe ngokwemigaqo yecandelo lalo Mthetho eza kuthi ibe nempembelelo kumaphondo, ifune nemvume kumaPhondo eBhunga leSizwe.
Isimo somthetho wephondo nemimandla ekhuselekileyo yengingqi
Lo Mthetho awukuchaphazeli ukumiselwa komthethowephondo olawula imicimbi ebhekiselele kwimimandla ekhuselekileyo yephondo neyengingqi ngoko hlobo lokuba umthetho onjalo-
lawula imicimbi engekho kulawulo lwalo Mthetho vumelana naloMthetho; okanye ulawula ngapha kwalo Mthetho ngokwemigaqo yecandelo 146 loMgaqo-siseko
ISAHLUKO 2
INKQUBO ZEMIMANDLA EKHUSELUKILEYO EMZANTSI AFRIKA
Iindidi zemimandla ekhuselekileyo
Inkqubo yemimandla ekhuselekileyo eMzantsi Afrika idibanisa ezi ntlobo zemimandla ekhuselekileyo ilandelayo:
oovimba bendalo ababodwa, iipaki zesizwe nokusingqongileyo okukhuselekileyo iziza ezililifa lethu zelizwe imimandla yamanzi ekhuselekileyo;
imimandla yamahlathi ekhuselekileyo,oovimba bamahlathi ,nemimandla yamahlathi asendle ebhengezwe ngokwemigaqo yoMthetho weMimandla yaseZintabeni wowe 1970( uMthetho No. 63 wowe 1970.)
Ukubhaliswa kwemimandla ekhuselekileyo
Kufuneka uMphathiswa agcine irejista ebizwa ngokuba yiRejista yeMimandla eKhuselekileyo iRejista mayi-
luluhlu lwayo yonke imimandla ekhuselekileyo eMzantsi Afrika, ekubhekiswe kuyo kwicandelo 9, ixele uhlobo lommandla okhuselekileyo kumbandela ngamnye iqulathe nayiphi na ingcaciso exelwe nguMphathiswa.
Ngokwezizathu zecandelwana 2 b ummandla okhuselekileyo obhengezwe ngokwemigaqo yomthetho wephondo mawufakwe kwiRejista njengovimba wendalo okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo .
Amasiko nezithethe
 uMphathiswa unokuthi ngokwesaziso kwiGazethi-
a akhuphe amasiko nezithethe zenzuzo zazo nazpihi na iinjongo zalo Mthetho, kudibanisa ukuphathwa nokuphuhliswa kwemimandla ekhuselekileyo ekubhekiswe kuyo kwicandelo 9 a ,b no c;
kubekwe iimpawu zokulinganisa ukuthotyelwa kwamasiko nezithethe; kuphinde
kufunwa amagunya okuphatha lo mimandla ekhuselekileyo anike iingxelo ngezi mpawu kuMphathiswa.
Ngaphambi kokunika amasiko nezithethe nokubekwa iimpawu zemimandla ekhuselekileyo zephondo nengingqi, kufuneka uMphathiswa acebisana:
a uMphathiswa onoxanduva le mimandla ekhuselekileyo kwiphondo apho amasiko nezithethe zisebenza khona.; kwakhona urhulumente wengingqi omi kakuhle
Makusebenze amasiko nezithethe-
Izithethe nemigangatho ezahlukeneyo zokulawulwa amagunya.
imimandla eyahlukeneyo okanye amagunya awohlukeneyo okuphatha okanye amacandelo amagunya okuphatha uMphathiswa unokuthi ngokwemigaqo yecandelo lesi 86, enze imigaqo efanelekileyo yo-
yokujonga ukululamela amasiko nezithethe; kuphinde kunyanzeliswe amasiko nezithethe
Imimandla ekhuselekileyo yePhondo
Imimandla ekhuselekileyo ethe ngoko nangoko phambi kokuba elicandelo libuyiselwe umva, okanye ikhuselwe ngokwemigaqo yomthetho wephondo ngaso nasiphi na isizathu apho ummandla unokuthi ngokwemigaqo yeli candelo ibhengezwe njengovimba wendalo okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo, ithathwe njengovimba wendalo okanye ukukhuselwa kokusingqongileyo ngesizathu salo Mthetho.
Iziza eziliLifa lomhlaba
 uMmandla obhengezwe njengesiza siLifa loMhlaba ngokwemigaqo yoMthetho weNgqungquthela yeLifa loMhlaba wowe 1999 (uMthetho No. 49 wowe 1999) aze nokuba iLifa loMhlaba alidibanisi mmandla okhuselekileyo wolunye uhlobo, luphathwe luze lulawulwe ngokwemigaqo yalo Mthetho , ngokulawulwa licandelwano weli candelo.
iSahluko 1 neSahluko 2sabhekisa kwiziza zelifa lelizwe.Amannye amalungiselelo alo Mthetho akabhekisi kwziza zelifa lelizwe ngaphandle kwendawo echaziweyo okanye xa kuxeliwe.
Imimandla yaselwandle ekhuselekileyo
iSahluko 1 esi Sahluko necandelo 48 libhekisa kwimimandla yaselwandle ekhuselekileyo. Amanye amalungiselelo alo Mthetho akabhekisi kwimimandla ekhuselekileyo yaselwandle , kodwa ukuba umhlaba okhuselekileyo waselwandle ufakiwe kuvimba oyedwa wezendalo, ipaki yesizwe okanye uvimba wendalo , loo mmandla lowo kufuneka uphathwe uphinde ulawulwe njengenxenye yovimba owodwa ipaka yesizwe ingokwemigaqo yalo Mthetho.
Imimandla ekhuselekileyo yezamahlathi, oovimba bamahlathi endalo nemimandla yamahlathi asendla.
 Ummandla obhengezwe njengommandla wamahlathi okhuselekileyo, uvimba wamahlathi endalo okanye ummandla wahlathi asendle ngokwemigaqo yecandelo 8 loMthetho wamaHlathi eSizwe, wowe 1998 ( uMthetho No. 84 wowe 1998) kufuneka uphathwe uze ulawulwe ngokwemigaqo yalo Mthetho, ngokulawulwa licandelwana lalo Mthetho.
iSahluko 1 esi Sahluko necandelo 48 libhekiselela kwimimandla eyodwa ekhuselekileyo yamahlathi, oovimba bendalo bamahlathi, nemimandla yamahlathi asendle akhuselekileyo. Amanye amalungiselelo alo Mthetho akabhekiseleli kwimimandla eyodwa ekhuselekileyo yamahlathi, oovimba bamahlathi endalo okanye imimandla yamahlathi asendle, kodwa ukuba ukhona omnye ummmandla onjalo obhengeziweyo okanye ofakiweyo kuvimba eyedwa wendalo,ipaki yesizwe okanye uvimba wesizwe loo mimandla mayiphathwe ngokwemigaqo yalo Mthetho ngokwesivumelwano nelungu lekhabhinethi linoxanduva lwamahlathi.
Imimandla ekufumaneka kuyo iintaba
siSahluko1 kunye nesi Sahluko zibhekiselela kwimimandla ekufumaneka kuzo iintaba.
ISAHLUKO 3
UKUBHENGEZWA KWEMIMANDLA EKHUSELEKILEYO
Iinjongo zokukhusela imimandla
Iinjongo zokubhengeza le mimandla njengemimandla ekhuselekileyo zezi:
kukukhusela imimandla ephilileyo emele iyantlukwano yezinto zendalo zoMzantsi Afrika kunye neyomhlaba neyeelwandle kwinkqubo yemimandla ekhuselekileyo ukugcina ubungangamsha bale mimandla ukugcina iyantkukwano yendalo yale mimandla
Ukukhusela ngokuyimpumelelo abameli benkqubo zendalo, izinto zendalo nezincinci ezizikhulelayo eMzantsi Afrika
Ukukhusela izidalwa ezingaqhelekanga nezisemngciphekweni eMzantsi Afrika
Ukukhusela imimandla ecekethekileyo
Ukuncedisa ekuqinisekiseni ukugcinwa kwezinto zendalo neenkonzo
Ukubonelela ngokusetyenziswa kwamajelo azikhulelayo nawendalo
Ukudala okanye ukukhulisa iindawo zendalo zabakhenkethi
Ukuphatha ubudlelwane phakathi kweyantlukwana yendalo kokusingqongileyo, ukuzinziswa kwabantu nophuhliso lwezoqoqosho ;okanye
Ukwenza igalelo ebantwini, ekuhlaleni kwezenkcubeko, kwezomoya, nakwezophuhliso loqoqosho
Inxenye 1:Oovimba abab odwa bendalo
Ukubhengezwa kovimba ababodwa bendalo
 uMphathiswa unokuthi ngesaziso kwiGazethi-
abhengeze ummandla ochazwe kwisaziso-
i njengovimba oyedwa wendalo;okanye ii njengenxenye yovimba abakhoyo ababodwa ; kwakhona b amthiye igama lovimba uyedwa
Uvimba kufuneka athi njengesizathu sokubhengeza lo mmandla wendalo uwodwa okanye njengenxenye yovimba okhoyo oyedwa :
a akhusele indawo eziceketheke kakhulu,iinkqubo eziphilayo eziseleyo, iindidi zezidalwa ezincinci,kwisifundo somhlaba okanye ubume obubonakalayo kwimimandla, kwakhona b ukwena ummandla ufumaneka xa kuza kwenziwa uphando lwezenzululwazi okanye xa kuza kujongwa okusingqongileyo.
Ngulo mhlaba wodwa onokuthi ubhengezwe kwemigaqo yecandelwana njengovimba wendalo owodwa okanye njengovimba wendalo oyedwa okhoyo.
a umhlaba karhulumente okanye webutho likarhulumente b umhlaba ophantsi kolawulo lukarhulumente okanye phantsi kwebutho likarhulumente c umhlaba ongowomntu wabucala osivumileyo eso sibhengezo ngesivumelwano esibhaliweyo edibene noMphathiswa.
Ukuyekiswa kwesibhengezo okanye ukukhutsshwa kwenxenye yoovimba bendalo ababodwa.
(i) Ukubhengezwa kommandla njengovimba wendalo oyedwa, okanye njengenxenye kavimba wendalo okhoyo oyedwa awunakuyekiswa okanye akukho nxenye kavimba wendalo oyedwa onokukhutshwa ngesiphakamiso seNdlu yoWiso Mthetho
Ummandla obunguvimba wendalo ngexesha elicandelo beliqalisa mawuthi ngesizathu seli candela lithathwe ukuba belibhengeziwe ngokwecandelo le migaqo yecandelo 18.
uMphathiswa unokuthi ngesaziso kwiGazethi-
a abhengeze ummandla ochaziweyo kwisaziso -
i njengepaki yesizwe okanye ii njengenxenye yepaki yesizwe ekhoyo, kwakhona b ayithiye igama le paki yesizwe.
Isizathu sokubhengeza ummandla njengepaki yesizwe okanye njengenxenye yepaki yesizwe ekhoyo mayibe:
i Ummandla ukubangaba ummandla lowo ubalulekile esizweni okanye kwiyantlukwana yendalo kumazwe angaphesheya okanye yi okanye iphilile, amele isampuli yenkqubo yezinto zendalo zaseMzantsi Afrika,imimandla enembonakalo yelizwe okanye iziza zelifa zenkcubeko ,okanye ii zinobuganga bezinto eziphilayo kummandla omnye okanye nakweminye imimandla.
b ukunqanda ukuxhatshazwa okanye ukuhlala okungangqamenanga nokukhuseleko lwemimandla enobuganga c Ukubonelela ngamathuba ezinto zomoya, ezenzululwazi, emfundo, olonwabo nawokhenketho akwaziyo ukusebenza kokusingqongileyo. Kwakhona d Anegalelo kuphuhliso lwezoqoqosho
Ngulo mhlaba ulandelayo wodwa omawubhengezwe ngokwemigaqo yecandelwana 1 njengepaki yesizwe okanye ipaki ekhoyo yesizwe.
a umhlaba karhulumente okanye ibutho likarhulumente b umhlaba ophantsi kolawulo likarhulumente lodwaokanye ibutho likarhulumente;okanye c umhlaba womtu osecaleni okanye uluntu oluvumileyokwisibhengezo ngokubhaliweyo edibene noMphathiswa okanye iPaki yeSizwe yoMzantsi Afrika.
Kufuneka uMphathiswa azise iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lemimmandla e kwiphondo elifanelekileyo kuso nasiphi na isibhengezo sommandla ngokwemigaqo yecandelwana 
Ukuyekiswa kwepaki yesizwe nokukhutshwa kwenxenye zepaki yesizwe
 Asinakuyekiswa isibhengezo sommandla njengepaki yesizwe okanye inxenye yepaki yesizwe ekhoyo, kwaye akukho ndawo yepaki yesizwe emayikhutshwe kwipaki , ngaphandle -
a kwesiphakamiso seNdlu yoWiso-Mthetho;okanye b ngokwemigaqo yeli candelwana 2
Xa athe uMphathiswa, okanye omnye umntu okwesi sivumelwane, waphuma kwesi sivumelwane kubhekiswa kuso kwicandelo 20
kufuneka uMphathiswa athi ngesaziso esikwiGazethi-
a ayekise esi sibhengezo somhlaba osecaleni esiyintloko yesivumelwano njengepaki uuyesizwe okanye inxenye yepaki yesizwe ekhoyo,okanye b awukhuphe lo mhlaba kwipaki yesizwe.
Ummandla obuyipaki yesizwe ngokuya eli candela laliqalisa mawuthi ngesizathu seli candela kuthathwe ngojuba sibhengeziwe ngokwemigaqo yecandelo 20
Ukwalathwa kommandla wesizwe njengommandla wasendle
 uMphathiswa unokuthi ngesaziso esikwiGazethi alathe nayiphina ipaki yesizwe , okanye inxenye yayo njengepaki yesizwe, njengommandla wasendle
Nasi isizathu sokwalatha njengommandla wasendle-
a ukukhusela nokulondoloza ubume bendalo yokusingqongileyo,iyantlukwano ngokwendalo, namajelo abandakanyekayo nalawo enkcubeko'
b ukubonelela ngamathuba abalaseleyo kwindawo ezingenabantu c Ukunqanda ukukwazi ukufikelela okungqongqo, eza kuthi yenzeke ngendlela engenabo omatshini qha
Kufuneka uMphathiswa acebisane negunya lolawulo ngaphambi kokwalatha ipaki yesizwe okanye inxenye yepaki njengommandla wasendle,
Inxenye 3: Oovimba besizwe
Ukubhengezwa koovimba besizwe
 Kufuneka athi uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba soLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla kwiphondo athi ngesaziso kwiGazethi-
a abhengeze ummandla othile kwisaziso-
b alathe uhlobo lommandla ngokwecandelo lama 25, ukuba uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba soLawulo likhethe ukalatha ummandla njengohlobo oluthile lovimba wendalo; kwakhona c athiye uvimba wendalo isizathu sokubhengeza ummandla njengovimba wendalookanye njengenxenye yovimba wendalo okanye inxenye njengovimba wendalo okhoyo mayibe-
a ukongeza inkqubo yepaki zoMzantsi Afrika;
b Ukukhusela ummandla ukuba lo mmandla-
i uneempawu ezibonakalayo zendalo okanye zeyantlukwano ngokwendalo ii inesiza senzululwazi , senkcubeko, sembali, inomdla kwezenzululwazi yezakudala, iii ifuna ukukhuselwa isithuba eside ukuze ikwazi ukulondoloza iyantlukwano yayo ngokwendalo okhoyo.
uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo malithi ngokwesaziso kwiGazethi-
a lisiyekise isibhengezo somhlaba osecaleni oyintloko yesivumelwano njengvimba wendalo okanye inxenye yovimba wendalo okhoyo okanye;
b awukhuphe lo mhlaba kuvimba wesizwe.
Kufuneka bonke oovimba ngesizathu seli candela bathathwe ukuba babhengeziwe ngokwemigaqo yecandelo 23
ukubonelela ngokuhamba kweemveliso yendalo egcinakeleyo neenkonzo zokuhlangabezana neemfuno zoluntu lwengingqi.
c yenza kubekho iintlobo ntlobo zokusetyenziswa kwezinto zemveli ezinokuthi zigcinakale, okanye d ukubonelela ngezinto zolonwabo ezisekelezelwe kwindalo nakumathuba okhenketho.
Ngulo mhlaba ulandelayo onokubhengezwa ngokwemigaqo yecandelwana 1 njengovimba wendalo okanye inxenye yovimba bendalo nabakhoyo:
a umhlaba karhulumente okanye ibutho likarhulumente b umhlaba ophantsi kolawulo lukarhulumente okanye ibutho likarhulumente; okanye c umhlaba womntu wabucala okanye uluntu oluvumileyo kwisibhengezo ngokwendlela ebhaliweyo noMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokukhusela imihlaba ekhuselekileyo kwiphondo elifanelekileyo.
Akukho mmandla wenza uvimba wendalo oyedwa okanye uvimba wesizwe onokubhengezwa njengovimba wendalo okanye njengenxenye wovimba
Ukupheliswa kwesibhengezo okanye ukukhutshwa kweenxenye yoovimba bendalo
 Asina kupheliswa isibhengezo sommandla kavimba wendalo okanye kavimba wendalo okhoyo, kwaye akukho nxenye kavimba wendalo onokukhutshwa kovimba, ngaphandle-
a ngokwesibhengezo esenziwe nguMphathiswa-
i ngesiphakamiso seNdlu yoWiso-mthetho; okanye ii ngokwemigaqo yecandelwana 2; kwakhona b ngokwesibhengezo esenziwe liLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lemimamdla ekhuselekileyo-
i ngokwesiphakamiso sendlu yowiso-mthetho kwiphondo elifanelekileyo;okanye ii ngokwemigaqo yecandelwana 2
Xa uMphathiswa , iLungu lesiGqeba loLawulo, okanye elinye iqela elikwesivumelwano lisiyeka esi sivumelwano kubhekiswa kuso kwicandelo
Ukwalathwa koovimba bendalo njengohlobo oluthile
 uMphathiswa unokuthi, ngokwesaziso kwiGazethi, alathele uvimba wendalo obhengezwe nuMphathiswa ngokwemigaqo yecandelo 23 ephethwe libutho lesizwe , njengohlobo oluthile lovimba wendalo echazwe njengoMphathiswa ngokulawulwa yinkqubo efanayo yeendidi ezimiselweyo.
uMphathiswa onoxanduva lwemimandla ,kwiphondo unokuthi, ngokwesaziso kwiGazethi, alathe uvimba wendalo obhengezwe nguMphathiswa ngokwemigaqo yecandelo 23 okanye ephethwe libutho likarhulumente wephondo nowengingqi, njengohlobo oluthile likavimba wendalo ochazwe nguMphathiswa ngokulawulwa yinkqubo efanayo yeendidi ezimiselweyo.
Kufuneka uMphathiswa acebisane nabaphathi begunya likavimba , ngaphandle kokuba uvimba walathwe ngexesha lesibhengezo sikavimba ngokwemigaqo yecandelo 23 ngaphambi kokwalatha uvimba wendalo njengohlobo oluthile likavimba wendalo.
Ukwalathelwa koovimba bendalo njengemimamdla yasendle
 uMphathiswa unokuthi, ngokwesaziso esikwiGazethi, alathe uvimba wendalo obhengezwe nguMphathiswa ngokwemigaqo yecandelo 23 okanye ophethwe libutho lesizwe ,okanye inxenye kavimba onjalo, njengommandla wasendle uMphathiswa onoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo, unokuthi ngesaziso kwiGazethi abhengeze uvimba wesizwe kwiphondo obhengezwe nguMphathiswa ngokwemigaqo yecandelo 23 okanye ophethwe libutho likarhulumente wephondo okanye wengingqi, okanye njengenxenye yovimba onjalo , njengommandla wasendle.
Nasi isizathu sokwalatha ummandla wasendle-
a ukukhusela nokulondoloza imo yendalo yokusingqongiley, iyantlukwano kwezendalo, nezendalo ezibandakanyekayo namajelo enkcubeko;
b ukubonelela ngamathuba c ukungena okunqandwa ngokungqingqwa, okuza kwenziwa ngaphandle komatshini kuphela
Kufuneka uMphathiswa acebisane nabaphathi bamagunya ovimba bendalo , ngaphambi kokwalatha uvimba wendalo okanye inxenye kavimba wendalo
Isaziso emasinikwe uMphathiswa wezibhengezo zamaphondo uMphathiswa onoxanduva lemimandla ekhuselekileyo makangenise ngokukhawuleza kuMphathiswa ikopi yesaziso ngasinye esikhutshwe liLungu lesiGqeba loLawulo ngokwemigaqo yecandelo 23, 24, 25 okanye 26
Inxenye 4 Okusingqongileyo okukhuselekileyo
Ukubhengezwa kokusingqongileyo okukhuselekileyo
 uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo olunoxanduva lemimandla ekhuselekileyo kwiphondo unokuthi ngesaziso kwiGazethi-
a abhengezwe nayiphina imimandla echazwe kwisaziso-
i njengokusingqongileyo okukhuselekileyo ii njengenxenye yokusingqongileyo okukhuselekileyo okukhoyo c athiye igama kokusingqongileyo okukhuselekileyo
Kufuneka ibe sesi isizathu sokubhengeza ummandla njengokusingqongileyo okukhuselekileyo-
a amisele ummandla njezowuni ephakathi ukuze ikhusele uvimba wendalo owodwa, ipaki yesizwe, isiza selifa selizwe, okanye uvimba wendalo;
b kuvunyelwe abanini-mhlaba bathathe isigqibo ngokudibeneyo sokulondoloza iyantlukwano yendalo kwimihlaba yabo baze bafune ukhuseleko lwasemthethweni
kukhuselwe ummandla ukuba lo mmandla ufuna ukuphuhliswa -
i ngenxa yeyantlukwano yayo kwezendalo ii ngenxa yemo yayo yendalo iii ngenxa yexabiso layo kwezenzululwazi, kwezenkcubeko, kwezembali, nakwezakudala; okanye iv ngenxa yexabiso layo kwimbonakalo yomhlaba d ukukhusela i ekho sitimu echaziweyo ngaphandle kuvimba wendalo, ipaki yesizwe, isiza Selifa lelizwe okanye uvimba wendalo e ukuqinisekisa ukuguqulwa okanye ukutshintshwa ekusebenziseni umhlaba kummandla f ukunqanda ukuguqulwa, okanye ukutshintshwa kumhlba osetyenziswe kulo mmandla ukuba umlaba lowo ubekelwe ukubhengezwa njenge okanye uza kufakwa kwipaki yesizwe okanye kuvimba wendalo.
a umhlaba karhulumente okanye ibutho likarhulumente b umhlaba ophantsi komntu osecaleni okanye uluntu emva kokuba uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba liLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla kwiphondo onike loo mntu lowo okanye uluntu isaziso esibhaliweyo ngokwemigaqo yecandelo 33
Akukho mmandla o okanye inxenye iyenza uvimba wendalo owodwa, ipaki yesizwe okanye uvimba wendalo onokuthi abhengezwe njengokusingqongileyo kwendalo okanye njengenxenye kokusingqongileyo okukhuselekileyo okukhoyo.
Ukubhengezwa kommandla ekubhekiswa kuwo kwicandelwana 2 f njengommandla okhuselekileyo, uyaphelelwa emva kweminyaka emithathu ukusukela kumhla wopapasho lwesisaziso ngokwemigaqo yecandelwana 1, kodwa uMphathiswa, okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo unokuthi kwiGazethi andise elo xesha into engekho ngaphezu konyaka omnye.
Ummandla uyayeka ukuba kokusingqongileyo okukhuselekileyo ukuba lo mmandla ubhengezwe okanye udityaniswe kwipaki yesizwe okanye kuvimba wendalo
Ukuyekiswa kwezibhengezo okanye ukupheliswa kweenxenye zokusingqongileyo okukhuselekileyo
 uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla kwiphondo elifanelekileyo, njengoko kufanelekile, unokuthi ngokwesaziso kwiGazethi-
a ayekise isibhengezo sommandla ngokwemigaqo yecandelo 28 njengokusingqongileyo okukhuselekileyo okanye njengenxenye yokusingqongileyo okukhuselekileyo okukhoyo; okanye b kupheliswe nayiphina inxenye yokusingqongileyo okukhuselekileyo kulo mmandla.
Konke okusingqongileyo makuthi ngenxa yesizathu secandelwana 1 kuthathwe ngokuba bekubhengeziwe ngokwemigaqo yecandelo 28
Isaziso emasinikwe uMphathiswa wephondo wezibhengezo
 Phambi kokupapasha isaziso ngokwemigaqo yecandelo 18 , 20 , 23 ,28 okanye 29 , uMphathiswa makalandele inkqubo yokucebisana njengoko kufanelekile kwezi meko, ngokulawulwa licandelo 34
uMphathiswa makathi, njengoko ebona kufanelekile ngokwemigaqo yecandelwana 1-
a athethe nawo onke amabutho esizwe achatshazelwe sesi saziso siphakanyisiweyo b athi ngokwemiqathango karhulumente wentsebenziswano njengoko kubekiwe kwiSahluko 3 soMgaqo-siseko , acebisane-
i neLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo elichaphazelekayo; kwakhona ii kumasipala okanye koomasipala apho imimandla echaphazelekayo ifumaneka khona; kwakhona
alandele inkqubo yokuthatha inxaxheba yabantu ngokwemigaqo yecandelo 33
Ukucebisana kweLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo
 Phambi kokupapasha isaziso ngokwemigaqo yecandelo 23 , 28 okanye 29 , uMphathiswa onoxanduva lokukhusela imimandla ekhuselekileyo makalandele inkqubo yokucebisana njengoko kufanelekile kwezi meko, ngokulawulwa licandelo 34
iLungu lesiGqeba loLawulo malithi, ngokubona kufanelekile kwimigaqo yecandelwana 1-
a. acebisane ngokwemiqathango karhulumente wentsebenziswano njengoko kubekiwe kwiSahluko 3 soMgaqo-siseko-
i uMphathiswa okanye elinye ibutho lesizwe likarhulumente ochatshazelwe sesi saziso sicetywayo/siphakanyisiweyo; kwakhona ii umasipala okanye oomasipala apho lo mmandla uchaphazelekayo ufumaneka khona c acebisane nawo onke amabutho karhulumente achatshazelwe sesi saziso sicetywayo/siphakanyiswayo; kwakhona d alandele inkqubo yokuthatha inxaxheba yabantu ngokwecandelo 33
Ukuthatha inxaxheba kwabantu
 uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva le mimandla ekhuselekileyo mali-
a lenze isaziso seminqweno yokupapasha isaziso esicetywayo/esiphakanyiswayo ekubhekiswe kuso kwicandelo 311 okanye 321, ngokuthi sibeke isaziso kwiGazethi liphinde lifake kumaphepha-ndaba amabini ajikeleza kummandla apho imimandla echaphazelekayo ifumaneka khona; kwakhona b ukuba kuphakanyiswa ukubhengeza nawuphi na umhlaba owodwa njengomhlaba wokusingqongileyo okhuselekileyo-
i kuthunyelwe ikopi yesaziso esicetywayo ngeposi eqinisekisiweyo kulo dilesi yokugqibela yaziwa yomnini-mhlaba kulo mmandla uza kubhengezwa, ngokunjalo nakumnini-lungelo ngamnye olapho okanye kumhlaba onjalo okanye;
ii ancamathisele ikopi yesaziso esinjalo kwisango okanye ekungeneni kumhlatyana olapho kulo mmandla.
Eso saziso sinjalo ma-
a simeme onke amalungu, kudibanise abanini-mhlaba nabanamalungelo obunini ekubhekiswe kubo kwicandelwana 1 b, bangenise kuMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo izinto ezibhaliweyo nge okanye bekhaba eso saziso socetywayo zingaphelanga iintsuku ezingama -60 ukusukela kumhla wopapasho wesaziso kwiGazethi; kwakhona b iqulathe ingcaciso eyaneleyo eza kwenza amalungu oluntu angeniso iziphakamiso ezivakalayo okanye izinto azikhabayo, lo nto idibanise nommandla oza kuchatshazelwa sesi sibhengezo.
uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo kwiimeko ezifanelekileyo livumele nawuphi na umntu okanye uluntu lwengingqi lizise iziphakamiso ngomlomo okanye izinto oluzikhabayo kuMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo, kumntu owalathwe nguMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo. Eli candelwana malisebenze apho isaziso esicetyway siza kuchaphazela amalungelo okanye imidla yoluntu lwengingqi.
uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo maliziqwalasele zonke iziphakamiso elizifumeneyo
Amabutho karhulumente achaphazelekileyo, uluntu, nabantu abamele bafumane
 Ukuba kucetywa ukubhengeza ummandla ngokwemigaqo yecandelo 18 okanye 20 njengovimba wendalo okhuselekileyo oyedwa , okanye ipaki yesizwe, okanye njengenxenye yovimba wendalo okhuselekileyo oyedwa okhoyo, okanye ipaki yesizwe kwaye lo mmandla uquka-
a umhlaba wesizwe uphinde ulawulwe sisigqeba sikazwelonke, sephondo okanye ibutho likarhulumente, uMphathiswa unokubhengeza lo mmandla qha-
i kwenzeke ngexesha elinye nelungu lekhabhinethielinoxanduva lokulawula lo umhlaba ukuba umhlaba lowo ulawulwa sisigqeba solawulo lwesizwe;okanye ii emva kokucebisana neLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lolawulo lalo mhlaba ,ukuba lo mhlaba ulawulwa sisigqeba sokuulawula sephondo.
b umhlaba okwitrasti okanye kwibutholikarhulumente soluntu okanye omnye unebango, uMphathiswa angawubhengeza lo mmandla ngexesha nye netrasti
Ukuba kucetywa ukubhengezwa ummandla ngokwemigaqo yecandelo 231 okanye 28 1 njengovimba wendalo okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo, okanye njengenxenye yopvimba wendalo okhoyo okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo,kwaye lo mmandla una okanye udibanisa-
a umhlaba karhulumente nolawulwa sisigqeba sikazwelonke,sephondo,okanye ibutho likarhulumente , uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo lephondo elifanelekileyo, linokubhengeza lo mmandla qha ngokudibana nelungu lekhabhinethi okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokulawula lo mhlaba.
b umhlaba ogcinwe litrasti likarhulumente okanye ibutho likarhulumente loluntu okanye omnye onebango, uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo linokuwubhengeza lo mmandla qha ngokudibana netrasti.
Inxenye 6 Jikelele
Ukuqaliswa kwezibhengezo
(i) Ukubhengezwa komhlaba wabucala njengovimba wendalo oyedwa, ipaki yesizwe, uvimba wesizwe, okanye okusingqongileyo okukhuselekileyo, okanye njengenxenye yovimba wendalo oyedwa okhoyo, kungaqaliswa nguMphathiswa, okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo okanye abanini-balo mhlaba abazisebenzelayo okanye bedibene.
Nasiphi na isicelo esivela kubanini-mhlaba babucala abafuna ukuba umhlaba wabo ubhengezwe ,esifunyenwe nguMphathiswa, okanye iLungu lesiGqeba loLawulo kufuneka kuqala siqwalaselwe nguMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo.
Ukuqiniselwa kweRejista yoMhlaba
 uMphathiswa, okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva le mimandla ekhuselekileyo, njengoko kufanelekile, kufunela lithi ngokubhaliweyo lazise uRejista woMhlaba ngayo nayiphi na indawo ebhengezwe njengovimba wendalo oyedwa , ipaki yesizwe, uvimba wesizwe, okusingqongileyo okhuselekileyo, okanye inxenye yovimba wendalooyedwa okhoyo, ipaki yesizwe ,uvimba wendalo, okusingqongileyo okukhuselekileyo, okanye ngokubhekiselele kwisibhengezo ebesirhoxisiwe okanye esilungisiweyo
Ukwaziswa makudibanise nenkcazelo yomhlaba ochaphazelekayo
Xa uRejista wezeMihlaba efumene eso saziso, kufuneka asibhale phantsi eso sibhengezo, okanye ukuyekiswa okanye ukulungiswa kwiirejista ngokwemigaqo yecandelo 3 1 loMthetho wokuBhaliswa koMhlaba, wowe 1937uMthetho No 47 wowe 1937
ISAHLUKO 4
UKUPHATHWA KWEMIMANDLA EKHUSELEKILEYO
Ngaphandle kwendawo echaziweyo kwesiSahluko, ilungiselelo lesiSahluko sibhekisa kummandla okhuselekileyo onguvimba wendalo owodwa, ipaki yesizwe, nokuchazwa kommandla okhuselekileyo, " ummandla okhuselekileyo wendalo" "ummandla okhuselekileyo wephondo "nommandla okhuselekileyo wengingqi"
Inxenye 1: Ukuphathwa kwamagunya nokuphathwa kwezicwangciso
Ukuphathwa kwamagunya
 uMphathiswa makanikezele ngokubhaliweyo ukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo yesizwe kwibutho likarhulumente okanye nakweliphi na iziko.uMphathiswa makanikezele ukuphathwa kommandla okhuselekileyo oyi paki yesizwe kwi-
a Paki yeSizwe yoMzantsi Afrika okanye b Elinye ibutho lesizwe ukubangaba liphethe I paki yesizwe ngokwezinto ezibhalwe phantsi nguMphathiswa uMphathiswa onoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo makanikezele, ngokubhaliweyo, ukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo kwibutho likarhulumente.
Ibutho likarhulumente okanye elinye iziko apho belinikezelwe ukuphathwa kommandla okhuselekileyo ngokwemigaqo yecandelwana 1 okanye 2 ligunya lokuphatha lo mmandla ngokwesizathu salo Mthetho.
Amalungiselelo okuphathwa kwezicwangciso
 uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo malinikezele ngokubhaliweyo ngokwemigaqo yecandelo 38 okanye qha-
a ngokudibene negunya elithembisayo lokuphatha;kwakhona b xa kuvume uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo isicwangciso sokuphatha ummandla okhuselekileyo olungiswe wwaza wangeniswa ligunya elithembisayo zingaphelanga iinyanga eziyi-12
Xa igunya lokuphatha elithembisayo lilungiselela isicwangciso sokuphatha masicebisane noomasipala namanye amabutho karhulumente namaqela achaphazelekayo anomdla kulo mmandla.
Kufuneka isicwangciso sokuphatha siyiqwalasele imiba esebenzayo esicwangciso esiyondeleleneyo sophuhliso sikamasipala apho ukhoyo ummandla okhuselekileyo..
Inqobo yokulinganisa yokuphatha
Igunya lokuphatha ummandla okhuselekileyo maliphathe ummandla a. ngesizathu besibhengezelelwe sona qwaba; kwakhona c ngokubhekiselele apha-
kwisicwangciso sokuphatha ummandla
Lo mthetho, uMthetho weyantlukwano yezendalo, uMthetho wokuPhathwa kokuSingqongileyo kweSizwe iii nawuphi na umthetho osebenzayo wephondo, ngokubhekiselele kummandla okhuselekileyo wephondo; kakhona iv nawuphina umthetho osebenzayo kamasipala, ngokubhekiselele kummandla wengingqi okhuselekileyo
Igunya lokuphatha lommandla okhuselekileyi wesizwe okanye wephondo unokulungiswa ngesicwangciso ngesivumelwano noMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo olunoxanduva lwemimandla ekhuselekileyo kwiphondo, njengoko kufanelekile.
Izicwangciso zokuphatha
 Injongo yesicwangciso sokuphatha kukuqinisekisa ukhuseleko, ulondolozo nokuphathwa kommandla okhuselekileyo ngokwendlela engqamelene neenjongo zalo Mthetho kwanesizathu ebibhengezelwe sona .
Isicwangciso sokuphatha masibe nezi ubuncinane-
a uphahla lwepolisi/inkqubo elungelelaniswe kakuhle b loo milinganiselo icwangcisiweyo, yokunqanda nomsebenzi oyimqobo yokulinganisa njengoko kuchaziwe.
c Iprogramu eza kumiselwa yesicwangciso nokunika amaxabiso;
Izicwangciso zokuphatha mazibe nezicwangciso ezincedisayo, kwaye uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo lisamkele isicwangciso sokuphatha okanye nasiphina esincedisayo ngokupheleyo okanye inxenye yaso.
Ukuphatha kudibene nomnye umntu kwimimandla ekhuselekileyo
 Igunya lokuphatha eliphethe ummandla okhuselekileyo linokungena kwisivumelwano nelinye ibutho likarhulumente, uluntu lwengingqi, umntu okanye elinye iqela lizo-
a phathisana ngommandla namaqela; okanye b lawule iintshukumo zabantu ezichaphazela okusingqongileyo kulo mmandla, ukuba ngaba oko kuphathisana akukhokeleli ekuqhaweleni okanye ekwenzeni into enye kabini.
a ukwahlulwa/ukwabiwa kwamagunya ngu okanye kwigunya lokuphatha ukusuka kwelinye iqela ukuya kwelinye kwisivumelwano b ukwahlulwa kwayo nayophina ingeniso evela ekuphathweni kommandla okhuselekileyo okanye olunye uhlobo olubonelela ngokwabelana phakathi kwamaqela okanye olunye uhlobo lokwabelana phakathi kwamaqela c ukuqokelela , ukubamba, okanye ukusebenzisa amajeloezndalo kummandla , ngokulawulwa kukubakho kwamalungiselelo oMthetho weyantlukwano yendalo;
d ukukwazi ukufikelela kwiziza zenkcubeko okanye ukubonakala kwezenkolo jummandla;
e ukuhlaliwa kommandla okhuselekileyo okanye inxenye yawo.
f Nawuphi na omnye umbandela obhekiselele apha.
Isivumelwana sokuphathisana masi-
a bonelele ngokuphathwa kwamajelo alilifa lenkcubeko ngendlela efanelekileyo nebambiseneyo kwimimandla ekhuselekileyo ligunya lokuphatha; kwakhona b kungqamelane namanye amalungiselelo alo Mthetho uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla kwiphondo, njengoko kufanelekile, linokukuphelisa ukuphathisana emva kokunika isaziso esivakalayo kumaqela ukuba eso sivumelwano sifunyaniswe singasebenzi ngokuyimpumelelo okanye sisokolisa ukufumaneka kwazo nzaiphi na iinjongo zokuphatha ummandla okhuselekileyo.
Inxenye 2: Ukujonga nokulawula
Izalathisi - msebenzi
 uMphathiswa unokuseka izalathisi zokujonga umsebenzi ngokubhekiselele kukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo yesizwe nokulondolozwa keyantlukwano yendalo kulo mimandla iLungu lesiGqeba loLwulo elinoxanduva lemimandla ekhuselekileyo linokuseka izalathisi zokujonga umsebenzi ngokubhekiselele kukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo yesizwe neyamaphondo nokugcinwa kwlao mimandla ineyantkukwano yezendalo
Igunya eliphetheyo lokukhusela ummandla ma-
a) lijonge ummandla lisebenzisa izalathisi ngokwemigaqo yecandelwana (1 okanye ;kwakhona b linike ingxelo ngelikufumeneyo kuMphathiswa okanye kwiLungu lesiGqeba loLawulo okanye kumntu owalathelwe nguMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo qho ngonyaka.
uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba unokuqesha abaphicothi - zincwadi bajonge ukuthobela kwegunya lokuphatha iinjongo zonke zesicwangciso sokuphatha.
Ukupheliswa kwegunya lokuphatha imimandla ekhuselekileyo
 Ukuba igunya lokuphatha imimandla ekhuselekileyo aliyifezekisi imisebenzi ngokwemigaqo yesicwangciso sokuphatha imimandla ekhuselekileyo, okanye lisebenza ngaphantsi koko belimele liyakwenza ngokubhekiselele kukuphathwa kwemimandla ekhuselekileyo, kudibanise neyantlukwano yendalo yommandla, uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla kwiphondo, njengoko libona kufanelekile, la a zise igunya lokuphatha ngokubhaliweyo ngokungakwazi kwalo ekwenza imisebenzi yalo okanye ukuyenza ngaphantsi kunokuba beli ele liyayenza b liyalele igunya lokuphatha lithathe ngokwexesha elithile amanyathelo okulungisa lo nto ikwisaziso
Ukuba igunya lokuphatha ummandla okhuselekileyo wesizwe nowamaphondo alikwazi ukuthatha lo manyathelo afunekayo, uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo li-
a phelise igunya lokuphatha imimandla ekhuselekileyo; kwakhona b linike elinye ibutho likarhulumente njengegunya eliphetheyo lo mmandla uMphathiswa umisela eli candelo ngokubhekiselele kwimimandla yokukhuseleko yesizwe aphinde uMphathiswa amisele eli candelo ngokwemimandla yokhuseleko yephondo neyengingqi iNxenye 3: Ukukwazi ukufikelela kwimimandla ekhuselekileyo
 . Akukho mntu ma-
a kangene kuvimba wendalo owodwa b kahlale kuvimba wendalo oyedwa; okanye c kenze nawuphi na umsebenzi kuvimba wendalo oyedwa.
a gosa leSebe okanye elinye ibutho likarhulumente elalathwe nguMphathiswa ngokubhaliweyo ukuba lijonge-
i ukulondolozwa koovimba bakarhulumente okanye nayiphi na enye iyantlukwano ngkwendalo kuvimba; okanye ii ukumiselwa kwesicwangciso sokuphatha nesalo Mthetho;
b naliphi na ipolisa , igosa elingenayo lizo kwenza umsebenzi walo; okanye c umntu osebenza ngokwemigaqo ayinikiweyo ngokwemigaqo yecandelwana 3
Igunya lokuphatha likavimba wendalo oyedwa linokuthi, ngokubhaliweyo nangeemeko ezalathwe lilo emva kokucebisana noMphathiswa livume ngokwelungiselelo le candelwana 1 ukuba.
a usonzululwazi enze umsebenzi wakhe wenzululwazi b umntu enze umsebenzi obhekiselele kulondolozo likavimba okanye nayiphi na enye iyantlukwana ngokwendalo yoovimba;
c igosa legunya lokuphatha lenze imisebenzi yalo esemthethweni;okanye d igosa lebutho likarhulumente lenze umsebenzi walo osemthethweni
Ukukwazi ukungena kwiipaki zesizwe, oovimba bendalo, nakwiziza zelifa lelizwe
 akukho mntu omakathi engenayo imvume ebhaliweyo yegunya eliphetheyo lepaki yesizwe, uvimba wendalo okanye isiza selifa lelizwe-
a angene ipaki, uvimba, okanye isiza, okanye b ahlale epakini, kuvimba okanye kwisiza.
a gosa leSebe okanye kwelinye ibutho likarhulumente elalathiweyo nguMphathiswa, okanye ngkubhekiselele kukuvimba wephondo okanye kowengingqi, umntu owalathwe liLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva wokukhusela imimandla kwiphondo elifanelekileyo azo kujonga-
ukulondolozwa kwepaki, kukavimba, isiza okanye nayiphi na enye ipaki eneyantlukwano ngokwendalo, uvimba okanye isiza;okanye iii ukumiselwa kwesicwangciso sokuphatha naloMthetho b igosa legunya lokuphatha lenze imisebenzi esemthethweni epakini, kuvimba okanye isiza;
c naliphi ipolisa okanye igosa elingena kwipaki, uvimba okanye isiza; okanye d umntu onelungelo lokungena kwipaki, uvimba okanye isiza, okanye e umntu onqumla kwipaki, uvimba, isiza ngakumgaqo kaloliwe
Ukuba igunya lokuphatha, uvimba,okanye isiza, alivumi ukunika imvume kwigosa ukuba lingene kwipaki, uvimba,okanye isiza ukuze lenze imisebenzi yalo esmthethweni, uMphathiswa angathi-
a awuqwalasele kakhona lo mcimbi;kwakhona b avume olo lwaliwo okanye akhuphe imvume yokungena.
Ukusetyenziswa kwenqwelo-ntaka koovimba bendalo ababodwa, okanye iziza zelifa lelizwe
 Uvimba wendalo owodwa, ipaki yesizwe okanye isiza selifa lelizwe kudibanise nomoya ongaphezulu kukavimba, kwipaki, okanye isiza kumgangatho we kweenyawo ezingama 1500 ngaphezu komhlaba akukho mntu oqhuba inqwelo-ntaka omakamise kumhlaba okanye abhabhe kuMvulo owodwa kaMatshi 24 ,2003 kuvimba wendalo, kwipaki yesizwe okanye kwisiza selifa lelizwe ngaphandle-
a kwi okanye asuke kwibala elalathelwe ligunya lokuphatha lalo vimba wendalo, ipaki yesizwe okanye isiza selifa lelizwe; kwakhona c unemvume ka , nangemeko ezalathwe , ligunya lokuphatha.
Akukho mntu omakabhabhe ngaphezu kukavimba wendalo owodwa, kwipaki yesizwe, okanye kisiza selifa lelizwe kukuphakama okungekho ngaphantsi kweenyawo eziyi 1500, ngaphandle kufanelekile ngesizathu seli candelwana2
a kuxakeka, okanye b kumntu osebenza kwimiyalelo yegunya lokuphatha uMphathiswa, esebenza ngokudibene nelungu lekhabhinethi enoxanduva lokuhamba ngomoya, unokuchaza ezinye iziqhobosho ezivakalayo ekubhabheni kwimimandla ekhuselekileyo
Inxenye 4 : Iziqhobosho.
Imisebenzi enika ithemba yasemgodini kwimimandla ekhuselekileyo
Ngokungajongwa kweminye imithetho, akukho mntu makaqhube intengiso yemisebenzi yasemgodini-
a kuvimba wendalo owodwa, kwipaki yesizwe, okanye kuvimba wesizwe;
b kummandla okhuselekileyo ngaphandle kwesivumelwano esibhaliweyo soMphathiswa nelungu lekhabhinethi elinoxanduva lezimbiwa/iiminerali ;okanye c kummandla okhuselekileyo ekubhekiswa kuwo kwicandelo 9b c okanye d c Icandelwana 1 aliyichaphazeli imisebenzi yasemigodini ebisoloko iqhutywa ngokusemthethweni ngaphambi kokuqalisa kweli candela
Ukulawulwa okanye ukuqhotyoshwa kwemisebenzi yoovimba bendalo ababodwa, iipaki zesizwe, noovimba bendalo
Imisebenzi yoovimba bendalo ababodwa, iipaki zesizwe, noovimba bendalo balawulwa ze baqhotyoshwe ngokwendlela echazwe -
a yimithetho eyenziwe ngokwemigaqo yecandelo 86
b yimithetho eyenziwe licandelo 87 , ngokubhekiselele kovimba bendalo bephondo nabe ngingqi c yimithetho kamasipala ngokubhekiselele koovimba bendalo bengingqi.; kwakhona d yimithetho yangaphakathi eyenziwe ligunya lokuphatha lalo mmandla ngokwemigaqo yecandelo 52
Imisebenzi yentengiso neyoluntu kwiipaki zesizwe, oovimba bendalo nakwiziza zelifa lelizwe
 Igunya lokuphathwa kwepaki yesizwe, uvimba wendalo, okanye isiza selifa lelizwe linokuthi, ngokungajongi nawuphi na umthetho okanye umtheyho kamasipala ekubhekiswa kuwo kwicandelwana 49 kodwa ngokulawulwa sisicwangciso sepaki ,uvimba okanye isiza-
a liqhube okanye livumele-
i umsebenzi wentengiso epakini, kuvimba okanye kwisiza; okanye ii umsebenzi epakini, uvimba, okanye kwisiza esinenjongo yokunyusa ingeniso b lingene kwisivumelwano esibhaliweyo neluntu lwengingqi ngaphakathi okanye ecaleni kwepaki, uvimba, okanye isiza ukuvumela amalungu oluntu avune kumajelo ezendalo aphilileyo epakini, kuvimba okanye kwisiza; kwakhona c kubekwe izithethe nemigangatho yayo nayiphina imisebenzi evunyiwryo ngokwemigaqo yomhlathi a okanye b
Umsebenzi ovunywe ngokwecandelwana 1 a okanye b usenokungazichaphazeli kakubi izidalwa ezincinci okanye kuphazamise ngokubonakalayo ubunganga beenkqubo zendalo kwipaki yesizwe, uvimba wendalo okanye isiza selifa lelizwe.
Igunya lokuphatha ipaki yesizwe, uvimba wendalo okanye isiza selifa lelizwe maliseke iinkqubo zokujonga-
a uvakalelo epakini, kuvimba, okanye kwisiza nakwiyantlukwano yezendalo yemisebenzi evunyiweyo ngokwemigaqo yecandelwana 1 a okanye b ;kwakhona c ukuthobela na-
i naziphi na izithethe nemigangatho yecandelwana 91 ©; kwakhona ii nasiphi na isivumelwana ekungenwe kuso ngokwemigaqo yecandelwana 1 b
Nawuphina umsebenzi ekubhekiswa kuwo kwicandelwana 1 a okanye b mawuthathwe ngokuba wamkelwe ngokwemigaqo yeli candela ukuba lo msebenzi ubuqhutywe ngokusemthethweni ngomhla okawulezileyo phambi-
a kweli candela lisebenze; okanye b kwesibhengezo sommandla wepaki yesizwe, uvimba wendalo, isiza selifa lelizwe okanye inxenye yepaki yesizwe ekhoyo, uvimba wesizwe okanye isiza selifa lelizwe
Akukho phuhliso, kwakhiwa okanye ukufamisha okuza kuvunyelwa kwi paki yesizwe, kuvimba wendalo, kwisiza selifa lelizwe ngaphambi kokuba kubekho isivumelwana sangaphambili esibhaliweyo ligunya lokuphatha.
Ukulawulwa okanye ukuqhotyshwa kophuhliso okanye eminye imisebenzi yokukhuselwa kokusingqongileyo
Ukulawulwa kokuthintelwa kophuhliso nemimye imisebenzi yokusingqongileyo okukhuselekileyo uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo lemimandla ekhuselekileyo kwiphondo , unokuthi, athintele okanye alawule okusingqongileyo phantsi komthethowoMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo-
a uphuhliso olungazokulunga kummandla onikwe ngesizathu sokuwubhengeza b aqhube eminye imisebenzi eza kuthintela eso sizathu
Imithetho yangaphakathi
 Igunya lokuphatha lepaki yesizwe , uvimba wendalo, isiza selifa lelizwe,liza kuthi, ngokubhekiselela kuzo nziphi na izithethe nemigangatho echaziweyo enze imithetho yokulawulwa okufanelekileyo lo mmandla.
Imithetho eyenziwe ngokwecandelwana 1
a mayingqamelane malo Mthetho nesicwangciso sokupghathwa sommandla b iquka bonke abantu kummandla , kubandakanya neendwendwe; kwakhona c inokuthi, njengemo yokungena , ukubonelela ukuwiswa kwesigwebo ngokwaphula imigaqo.
 Amacandelo 45, 46, 49, 50, 51 okanye 52 akasayi kusetyenziswa ngendlela apha ethile ithintele-
a ukusonjululwa kwemiba ephathalele kumalungelo omhlaba ngokoMthetho woBuyiselo lwaMalungelo omhlaba uMthetho No. 22 wowe 1994 yaye ngokubhekiselele koku iya kuthi imimandla ekhuselekileyo igcinwe ngokwemo yayo yakuqala yendalo ukuze ulondolozo olufezekileyo lale mimandla lujongwe kwaye kugxilwe ekugcinweni kwayo ikulawulo olungahexiyo kwezoqoqosho kwakunye nolawulo olubumbeneyo noluyondeleleneyo oluvela kumagunya aphetheyo; kwakhona b nobonelelo lweenkonzo eziyimfuneko kwanokufumaneka kwezibonelelo nkonzo ziphathelele kulo njongo
Umntu angalisebenzisa ilungelo analo yena buqulokusela okanye ukusebenzisa amanzi akumlambo okanye emfuleni okummandla okhuselekileyo, kodwa ngokulawulwa yinto eqingqwe nguMphathiswa ngemvisiswano nelungu leKhabhinethi elinoxanduva lemicimbi yamanzi.
ISAHLUKO 5
Inxenye 1: Ukuhlala zihleli, imisebenzi namagunya eePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika
Ukuhlala zikho
 IIPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ezisekwe ngokwecandelo lo Mthetho wePaki zeSizwe ,1976( uMthetho No. 57 wowe 1976), usekhona usasebenza njengesandla somthetho olawulayo nangona wathi waguzulwa loo mthetho licandelo 92 lalo Mthetho
Imisebenzi
 iiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ma-
a zilawule ngokwalo Mthetho iipaki zesizwe , neminye imimandla ekhuselekileyoezabelwe wona ngokweSahluko 4 necandelo 94, b zikhusele , zilondoloze zezilawule ezoo paki zesizwe nemimye imimandla ekhuselekileyo; kwakhona c ngokwesicelo soMphathiswa , zicebise uMphathiswa ngawo nawuphi na umbandela omayela-
i nolondolozo kwakunye nolawulo lokwahluka hlukana ngokobume basendalweni njengoko kungathi kudingeke amathuba ngamathuba iii iipaki ezintsha zesizwe, kunye nokuchetywa /ukungabandkanywa kwiipaki zesizwe ezikhoyo, kwakhona iiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika zinokuthi ekulawuleni iipaki zesizwe-
a alawule iinkqubo zokufuya nezokulima, ze bagcine imimandla yoovimba epakini njengendawo zokufuya nezizokukhulisa izityalo b athengise, atshintshise okanye ahlinzeke ngaso nasiphi na isilwanyana, isityalo okanye into enobom ekhoyo epakini , okanye athenge, atshintshe okanye ngelinye ixesha azifumanele naluphi na uhlobo lwento ephilayo eyeyemveli anokuthi ayithabathe njengekunqweneleka ukuba kukhondozwe ngayo kwipaki ethile.
c Athabathele kuwo umsebenzi nokukhuthaza uphando d alawule, asuse okanye anyothule nayiphi na into ephilayo evela kwindawo ayibona njengengafunekiyo ekukhuseleni nasekulondolozeni kumzi wolondolozo ndalo/ kwipaki ethile e azise ngophuhliso, ze akge okanye amise nayiphi na imisebenzi eyimfuneko ekulawulweni komzi wolondolozo-ndalo, kubandakanyawa iindlela, iiblorho, izakhiwo, amadama, iindonga zokunqanda ulwandle , izindlu zamaphenyane , amanqwanqwa okugxidikela, iindawo zokubophelela iinqanawa, amachibi kunye neetonela zokuhamba amanzi angaphantsi;
f amkele iindwendwe kumzi wolondolozo-ndalo g athabathe amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukhuseleko nentlalo-ntle yabatyeleli kunye nabasebenzi;
abe nokubonelela ngendawo yokuhlala nokufaka iintloko kwabahambi nabasebenzi , kubandakanywa ubonelelo ngokutya kunye neemfuno zekhaya i aqhube ushishino okanye urhwebo okanye abonelele ngezinye iinkonzo ukulungiselela ukuba izinto zibe lula kubatyeleli nabasebenzi, kubandakanywa nokuthengiselwa isiaelo esinxilisayo.
j amisele aqingqe yaye kananjalo abe nokuqokelela imirhumo-
i yokungena emasangweni okanye ii ukuhlala kumzi wolondolozo- ndalo okanye iii 'nayiphina inkonzo ebonelelwa lilo;
k agunyazise nawuphi na umntu , phantsi kwazo naziphi na iimeko kwakunye nayiphi na intlawulo yemirhumo engathi ayimisele,-
i ukuqhuba naluphi na ushishino okanye urhwebo, okanye ukubonelela ngayo nayiphi na inkonzo anokuyiqhuba okanye ayibonelele ngokweli candela, kananjalo ii abonelele ngamaseko amileyo okulungiselela olo shishino , urhwebo okanye inkonzo l ngokwesivumelwano kunye-
i nomasipala, abonelele nayiphi na inkonzo kumzi wolondolozo-ndalo ekufanele ukuba loo masipala abonelele ngayo okanye anokubonelela ngayo ngokomthetho omisiweyo, okanye ii nenye ingalo yombuso,okanye ibutho likarhulumente yenze umsebenzi kumzi wolondolozo-ndalo enokuthi loo ngalo yombusoiwenze ngokomthemtho owisiweyo, okanye m enze ezi zezi nye izinto njengoko kuqingqiwe
Icandelwana 2 lisebenza kananjalo kweminye imimandla ekhuselweyo ephethwe ngaMaziko oLondolozo -ndalo eSizwe oMzantsi Afrika, ngokunjalo namagunya aqulathwe kweloo candelwana angathi asetyenziswe lilo ngokukangangoko loo magunya athi angagungqi kwinjongo ethe loo mimandla injalo abhengezwa njengommandla okhuselweyo.
Amagunya ngokubanzi
Amaziko oLondolozo -Ndalo eSizwe eloMzantsi Afrika angathi ngenjongo yokwenza imisebenzi yawo-
a aqeshe ezikhundleni abasebenzi bayo ngokwecandelo /esebenzisa icandelo 73
b afumane , ngokwesivumelwano, iinkonzo zakhe nawuphi na umntu, kubandakanywa nayo nayiphi na ingalo yombuso, ukulungiselela ukwenziwa kwayo nayiphi na into ethile, umsebenzi okanyeisabelo;
c azithabathele okanye anikezele ngalo naliphi na ilungelo kwimpahla efudusekayo okanye engenakufuduswa, oknye aqeshe okanye aqeshise ngayo nayiphi na impahla/ipropati/indawo d avule aze asebenzise i-akhawunti yebhanki yayo e atyale esebenzisa icandelo 76 nayiphi na imali ekwi Ngxowa ekubhekiselelwe kuyo kwicandelo 77, f aboleke imali , esebenzisa icandelo 66 loMthetho woLawulo lweMali zoLuntu/ zikaRhulumentePFMA
g abize imirhumo ngayo nayiphi na imisebenzi ayenzileyo okanye iinkonzo azinikezeleyo okanye aqokelele imirhumo esisiphumo esivela ekusetynzisweni kwawo nawaphi na amalinge elo obutyebi bengqondo;
h izifake phantsi kwesikhuseli /kwi inshorensi elwa-
i nayiphi na ilahleko , umonakalo okanye umngcipheko, okanye iinaliphi na ityala enokubenza ngokuphathelele kumalungu eBhodi okanye estafu/ abasebenzi ekusetyenzisweni kwalo Mthetho i enze izigqibo zomsebenzi osemthethweni kubandakanywa amanyathelo aqukanisa okanye egameni lakhe nawuphi na omnye umntu okanye ingalo yombuso yaye j ivula / iqalise okanye ikhusele naliphi na inyathelo elisemthethweni
Inxenye 2 iBhodi elawulayo, ukwakhiwa kwayo kunye nobulungu bayo
Ukwakhiwa
 Umzi woLondolozo -Ndalo weSizwe eMzantsi Afrika ulawulwa yibhodi eyenziwe-
a ubuncinane amalungu angekho ngaphantsi kwethoba nangadlulanga kwishumi elinambini awalathelwe ngokwecandelo 59
b uMlawuli-jikelele okanye igosa leSebe elichongwe nguMlawuli jikelele; kwakunye c nagosa loLawulo eliyiNtloko uMphathiswa-
a kufuneka amisele inali lamalungu amakalathelwe kwizikhundla ngokwecandelwana 1 a yaye b ongenakho ukuguqula , amathuba ngamathuba, inani elimiselwe ngokwalo mhlathi a ,kodwa kunokubakho ukucuthwa kwamanani kuphela xa kukho isithuba esithe sakho ebhodini iBhodi ithabatha zonke izigqibo ekusebenziseni amandla ayo nasekuqhubeni imisebenzi yoMzi woLondolozo-Ndalo weSizwe weloMzantsi Afrika ngaphandle -
a kwezo zigqibo ezenziwe ngesizathu sokuba kukho ukumelwa komntu ngokwecandelo 71 ; okanye b apho uMthetho woLawulo-Mali zikaRhulumente ubonelela ngeny'indlela.
Iziqu zokufunda
 Ilungu leBhodi kufuneka-
a libe ngumntu omilo nemo ekufaneleyo ukubamba isikhundla sobulungu, kwakhona b libe neziqu zemfundo okanye amava
Aba Bantu balandelayo baguzulwe / bayekisiwe ekubeni ngamalungu okanye ukuhlala bengamalungu eBhodi;
a umntu obambe isikhundla njengelungu lePalamente okanye indlu yoWiso-mthetho yePhondo.; kwakhona b nomntu othe wakhutshelwa ngaphandle ekubeni sesikhundleni abekade ekuso ngokwecandelo 65
Inkqubo yokuqesha
 Nanini na xa kuyimfuneko ukuqesha ilungu okanye amalungu eBhodi, kufuneka uMphathiswa-
a ngokupapasha kumaphepha-ndaba ajikeleza kuzwelonke nakwiphondo ngalinye, ameme abagqatswa belungu elinjalo okanye amalungu, kwakhona b enze uluhlu lwamagama abantu abonyuliweyo
Naluphi na ulonyulo kufuneka lupapashiwe ngokwemigaqo yecandelwana 1 a mayixhaswe a iinkcukacha zomntu oza kwenyulwa;
b iinkcukacha zeziqu zezifundo zomgqastswa okanye amava
nayiphi na enye ingcaciso enokuthi ichazwe uMphathiswa makajonge inani elifunekayo labaqeshwa ngokwemigaqo yecandelwana1 b kodwa xa uluhlu lwamagama lungonelanga kufuneka uMphathiswa aqeshe umntu ofanelekileyo amkhethe ngokwakhe.
Xa eqesha uMphathiswa kufuneka ayiqwalasele into yokuqesha abantu kuluntu ebelukade luhlelelekile. Ingqesho mayenziwe ngohlobo lokuba ibe nabantu abanobuchule obufanelekileyo
Usihlalo
 Nanini na xa kuyimfuneko, kufuneka uMphathiswa aqeshe ilungu leBhodi njengosihlalo uSihlalo uqeshwa isithuba esalathwe nguMphathiswa oza kuthi, ngokombandela welungu ekubhekiswa kulo kwicandelo 57 1 a kodwa angalidluli ithuba lakhe le ofisi.
uMphathiswa angaliqesha ilungu leBhodi njengosihlalo obambeleyo weBhodi ukuba-
a Usihlalo akakho isithuba eside; okanye b Ingqesho kaSihlalo ayikagqibeki
Ithuba le-ofisi
 Amalungu eBhodi ekubhekiswa kuwo kwicandelo (a) ngala a ngalawo aqeshwe ithuba leminyaka emithathu, okanye ukuba icandelo 66 2 liyasebenza,ngokwethuba elalathwe ngokwemigaqo yelo candela;
b ekupheleni kwelo thuba , akulungeleyo aphinde aqeshwe kwakhona elinye ithuba leminyaka emithathu; kwakhona c emva kokuphela kwekhefu le minyaka emithathu ubuncinane, abakulungeleyo ukuphinda bathathwe ngokwemigaqo yomhlathi a kwakhona, ukuba bathathiwe bakulungele ukuphinda bathathwe ngokwemigaqo uecandelo b nayiphi na ingqesho ngokwemigaqo yecandelwana 1-
a linokwandiswa ixesha nguMphathiswa isithuba esingagqithanga kunyaka, kwakhona b ngokulawulwa licandelo 58 nele 65
Iimeko zengqesho
 uMphathiswa makalathe iimeko zengqesho zamalungu eBhodi ekubhekiswa kuwo kwicandelo 57 (a)
Iimeko zamalungu angekhoyo kwingqesho kazwelonke, kwiphondo okanye kwingalo yombuso ingabonelela ngentlawulo eyelathwe nguMphathiswa ngokuvumelana nelungu leKhabhinethi elinoxanduva lwezemali. Lo mvuzo lowo nezibonelelo zihlawulwa liZiko loLondolozo-ndalo yeSizwe eMzantsi Afrika.
Amalungu akwingqesho kazwelonke, kwiphondo okanye kwingalo yombuso wengingqi akamelanga kufumana ntlawulo nazibonelelo, kodwa bangabuyiselwa ngemali ephuma epokothweni yeziko lolondolozo-ndalo leSizwe loMzantsi Afrika.
Amalungu aqeshwa ixeshana, oko kukuthi akekho kwingqesho esisigxina
Ukuziphatha kwamalungu
 Ilungu leBhodi-
a malenze imisebenzi ye ofisi linomoya omhle lingakhethi buso bamntu b lazise iBhodi ngomdla wezoshishino elinawo elilelalo okanye ishishini labucala ,okanye lomyeni, leqabane okanye umntu osisizalwane esisondeleyo kulo, lingathi liyeke kwiinkqubo zeBhodi ,ngaphandle kokuba iBhodi iyabona ukuba loo mdla linawo awungeni ncam kwizinto zeaBhodi.
c Lingasebenzisi amandla esikhundla elokuso nolwazi lezinto zeBhodi ukuzifumanela izinto zalo okanye lenze inzuzo komnye.;kwakhona d Lingenzi into eza kumosha ubunganga nokuzimela kweziko lolondolozo-ndalo lesizwe emzantsi afrika
Ilungu lebhodi elophula okanye elingazithobeliyo izinto ezikwicandelwana 1 lakufunyanwa linetyala lokuziphatha kakubi.
Ukupheliswa kobulungu
 Umntu ekubhekiswa kuye kwicandelo 57 uyayeka ukuba lilungu leBhodi xa lo mntu-
a engakufanelanga ngokwemigaqo yecandelo 58 ukuba lilungu b aziyekele;okanye
asuswe e-ofisini ngokwemigaqo yecandelo 65
Ilungu lingasifaka isaziso esibhaliweyo sesicelo sokuyeka ubuncinane iinyanga ezintathu kuMphathiswa, kodwa ke uMphathiswa angasamkela isaziso esingaphantsi kwenyanga ezintathu kwiimeko ezithile.
Ukususwa e-ofisini
 uMphathiswa angalisusa ilungu kwiBhodi ekubhekiswa kuyo kwicandelo 57 (a) , kodwa ngezi zathu a zokungakwazi ukuziphatha kakuhle okanye ngokungawazi umsebenzi b lingabkho ezintlanganisweni iintlanganiso ezintathu ezilandelelanayo lingenayo imvume kwiBhodi c ukuba namatyala elingakwazi ukuwabhatala d lifunyenwe linetyala laza alanikwa fayini/mdliwo.
Ilungu leBhodi lingasuswa e-ofisini ngenxa yokungakwazi ukuziphatha kakuhle okanye ngokungawazi umsebenzi emva kophando elenziwe yobhodi yophando eqeshwe nguMphathiswa.
uMphathiswa angalihlalisa phantsi ilungu emva kophando elwenziwe ngokwemigaqo yeli candela
Ukuzaliswa kwezithuba
a xa kumke uSihlalo, ngokuqesha elinye ilungu ngokwemigaqo yecandelo 601 njengoSihlalo;kwakhona b xa kumke umntu ekubhekiswa kuye ngokwecandelo 571 a0, ngkulandela inkqubo exelwe kwicandelo 59
Umntu oqeshwe ukuba azalise isithuba uhlala e-ofisini elo xesha lishiyekileyo lishiywe nguSihlalo okanye ilungu.
Inxenye 3: Iinkqubo zeBhodi ezisebenzayo
Iintlanganiso
 uSihlalo weBhodi uyagqiba ngendawo nangexesha emazibe kuyo iintlanganiso ,kodwa isininzi samalungu singacela ngokubhaliweyo ukubamba iintlanganiso kwindawo nexesha ekwisicelo eso.
uSihlalo iba nguye ochophela iintlanganiso zeBhodi, kodwa athi ukuba akakho, amalungu anganyula elinye ilungu elikhoyo lichophele intlanganiso leyo.
Iinkqubo
 Ibhodi ingalatha iinkqubo zayo ngokulawulwa ngamanye amalungiselelo alo Mthetho-
Kufuneka iBhodi igcine iirekhodi zeenkqubo nezigqibo ezithathiweyo
IKhoram nezigqibo
 Uninzi lwamalungu akwibhodi enza ikhorum yeentlanganiso zeBhodi
Umcimbi ophambi kweBhodi ugqitywa ngevoti yesininzi samalungu asentlanganisweni.
Ukuba kuthe kuwo nawuphi na umcimbi ophambi kweBhodi inani leevoti lalingana kufuineka ivoti yelungu elichopheleyo nayo ibalwe njengeyelungu.
Iikomiti
 iBhodi ingaseka ikomiti enye nangaphezulu ukuncedisa kwimisebenzi nokuqhutywa kwamagunya ayo.
Xa isenyula amalungu okuba sekomitini , iBhodi ayinyanzelekanga ukuba ithathe amalungu asekomitini qha.
iBhodi-
a mayalathe /igqibe ngemisebenzi yekomiti b yanyule usihlalo namanye amalungu ekomiti c ingalisusa nanini ilungu lekomiti d ingaqgiba ngeenkqubo zekomiti iBhodi ingayichitha nanini na ikomiti
Icandelo 62 linezinto ezininzi ezifuna ukulungiswa xa ingxamu ivuma,lisebenza ngeemeko zokonyulwa kwamalungu ekomiti. Ilungu lestafu laMaziko oLondolozo -ndalo eSizwe eMzantsi Afrika elonyulwe kwikomiti lisebenza kwikomiti ngokwemigaqo neemeko zalo ngqesho yalo mntu.
Ukwabiwa kwamagunya nemisebenzi
 Ibhodi ingabela ilungu umsebenzi ngenjongo zokuba kusetyenzwe kakuhle ngaphandle kwaleyo ixelwe kwicandelwana 
a kwilungu leBhodi b kwikomiti ekubhekiswe kuyo kwicandelo 70; okanye c kwilungu lestafu laMaziko oLondolozo-ndalo leSizwe eMzantsi Afrika
La magunya nemisebenzi ilandelayo ayinakunikwa iBhodi a ukuqeshwa komntu nokuphinda aqeshwe abe liGosa loLawulo eliyiNtloko ngokwemigaqo yecandelo 721 okanye 2;
b ngokugqiba ngeemeko zenkonzo yeGosa loLawulo eliyiNtloko ngokwemigaqo yecandelo 72 
c ukugqitywa ngepolisi yengqesho ngokwemigaqo yecandelo 73 1
c ukubekwa kwemida yezemali ngokwecandelo 732 okanye a okanye 3; kwakhona d ngokwamkelwa kohlahlo-lwabiwo mali.
Igqiza labathunywa ngokwemigaqo yecandelwana -
a lilawulwa zizithintelo , iimeko nezikhokelo iBhodi enokuthi izibeke;
b mazenziwe ngokubhaliweyo c lingayitshintshi imisebenzi yeBhodi ebhekisa ekunikeni imisebenzi nokuqhuba imisebenzi yokuthuma; kwakhona d lingakuthinteli ukwabiwa kwemisebenzi okanye ukuqhutywa kwemisebenzi yiBhodi.
iBhodi ingaqinisekisa, ngokulungelelanisa okanye ukuphelisa nasiphi na isigqibo esithathwe ligqiza labathunywa ngokwemigaqo yeli candela, ngokulawulwa ngamalungelo avele njengesiphumo sesi sigqibo.
Inxenye 4; Ukulawulwa kwaMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika
Ukuqeshwa kweGosa loLawulo eliyiNtloko
 iBhodi, ngokuvumelana noMphathiswa, baqeshe umntu oneziqu zemfundo ezifanelekileyo namava abe liGosa loLawulo eliyiNtloko laMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika.
iGosa loLawulo eliyiNtloko -
a liqeshwa ngokwesithuba esingadluliyo kwiminyaka emihlanu; kwakhona b linokuphinda liqeshwe yiBhodi ngokuvumelana noMphathiswa.
iGosa loLawulo eliyiNtloko liqeshwe ngokulawula yilo migaqo neemeko zengqesho njengoko iBhodi inokwala ngokwesamkelo nguMphathiswa evumelana nelungu leKhabhinethi enoxanduva lezemali.
iGosa loLawulo eliyiNtloko-
a linoxanduva lokulawula aMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe oMzantsi Afrika b malenze imisebenzi lize lenze nalo misebenzi liyabelwe yiBhodi; kwakhona c linike ingxelo kwiBhodi kwimicimbi yokuphatha, imisebenzi , nokusebenzisa amagunya , kangangoko iBhodi ibona
Naninina xa lithe iGosa loLawulo eliyiNtloko alabikho okane alakwazi ukuqhuba imisebenzi yalo okanye nanini xa kukho isithuba e-ofisini yeGosa loLawulo eliyiNtloko, kufuneka uSihlalo weBhodi anyule elinye ilungu lestafu leZiko loLondolozo-ndalo yeSizwe eMzantsi Afrika asebenze njengelungu leLawulo eliyiNtloko ixesha elingagqithiyo kwiinyanga ezintandathu. Lo mzuzu lisebenza endaweni yeGosa loLawulo eliyiNtloko elo lungu lestafu-
a0 linamandla nemisebenzi yeGosa loLawulo eliyiNtloko; kwakhona c liqeshwe ngokulawulwa yilo migaqo yengqesho njengoko uSihlalo weBhodi ebona ngokulawulwa yipolisi/yinkqubo ekubhekiswa kuyo kwicandelwana 3
 iBhodi, ngokuvumelana noMphathiswa, mayalathe inkqubo yengqesho uaMaziko oLondolozo -ndalo yeSizwe eMzantsi Afrika.
iGosa loLawulo eliyiNtloko-
a kumda wezimali obekwe yiBhodi, maligqibe ngokusekwa kwestafu ukwenzela ukuba iiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika zisebenze kakuhle, kwakhona b linokuqesha abantu kwizikhundla zokusekwa kwestafu/abasebenzi
Umqeshwa weZiko loLondolozo-ndalo leSizwe eMzantsi Afrika uqeshwe ngokulawulwa yimigaqo neemeko zengqesho ezalathwe liGosa loLawulo eliyiNtloko nayingalo enjalo yombuso karhulumente a Umntu okwenye inkonzo yengalo yombuso karhulumente angasebenza njngegosa lemboleko kwiPaki yeSizwe yoMzantsi Afrika ngokuvumelana phakathi kweGosa loLawulo eliyiNtloko nalo ngalo yombuso kubhekiswa kuyo.
c Amagosa emboleko enza imisebenzi ephantsi kolawulo lweGosa loLwulo eliyiNtloko.
Umntu okwinkonzo yaMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe oMzantsi Afrika , evumelene nalo mntu , angaligosa lemboleko kwenye ingalo yombuso karhulumente ngokwesivumelwano phakathi kweGosa loLawulo eliyiNtloko nalo ngalo yombuso karhulumente.
Inxenye 5 : Imicimbi yezemali.
Ukukwazi ukuphendula ezimalini
Iziko loLondolozo-Ndalo zeSizwe eMzantsi Afrika liziko loluntu ngezizathu zoMthetho woluLawulwa kweMali zoLuntu. Kwaye ngezo zizathu kufuneka zivumelana nmalungiselelo alo Mthetho
Ukufumana imali
Imali zeZiko loLondolozo-Ndalo leSizwe eMzantsi Afrika liqulathe-
a ingeniso evela ekwenziweni kwemisebenzi nakukusetyenziswa kwamagunya b imali eyabelwe oko yiPalamente c amagalelo okuvolontiya/okuzithandela, izipho nakwimiyolelo d izipho ezivela kwingalo yemibuso karhulumente e imali ebolekwe ngokwemigaqo yecandelo 56f f ingeniso evela kutyalo-mali g iifayini ezivela okanye ezifunyenwe ngokubhekiselele kwimidliwo eyenziwe kwiziko lolondolozo-ndalo ,kwakhona h imali ephuma kwamanye amajelo, ngokwesivumelwano nelungu leKhabhinethi elinoxanduva lwezemali
Utyalo-mali
Amaziko oLondolo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika anokutyala nayiphi na imali yawo hayi ngokukhawuleza a) ngokubhekiselele kuyo nayiphi na inkqubo enokuthi ichazwe ngokwemigaqo yecandelo 7 loMthetho wokuphathwa kwemali zoluntu( Public Finance Mnagement Act...
b ngokubhekiselele kuwo nawuphina umlinganiselo obekwe nguMphathiswa.
Ukufunyanwa komhlaba yiNgxowa-mali yoLondolozo -ndalo lweSizwe
 Ingxowa-mali yokufunyanwa komhlaba luLondolozo-ndalo lwasekwa licandelo 12A loMthetho woLondolozo-ndalo lweSizwe wowe 1976( uMthetho No.57 wowe 1976) uqhubekeka ukhona ngengengxowa-mali eyahlukileyo iphantsi kolawulo laMaziko oLondolozo-ndalo lweSizwe eMzantsi Afrika nangona kukho ukuguzulwa kwaloMthetho licandelo 92 lalo Mthetho
Le ngxowa-mali ilawulwa ngaMaziko oLondoloz -ndalo lweSizwe eMzantsi Afrika aqulathe-
a nawaphi na magalelo okuzithandela / okuvolontiya, izipho, imiyolelo efunyenwe yiPaki yeSizwe yoMzantsi Afrika ngesizathu sale Ngxowa-mali b imali eyabiwe yiPalamente ngesizathu sle Ngxowa-mali c iinkqubo zokuthengiswa komhlaba othengiswe ngaMaziko -ndalo oLondolozo lweSizwe eMzantsi Afrika eyifumene ngokwemigaqo yecandelo 81
d ingeniso evele ekutyalweni kokulungelelwanisa amatyala eNgxowa-mali e imali ebolekwe ziiPaki zeSizwe ngokwemigaqo yecandelo 56 f zoMzantsi Afrika ngesizathu sale Ngxowa-mali f imali efunyenwe kuwo nawaphina amajelo ngesizathu sale Ngxowa-mali le mali ikwiNgxowa-mali ingasetyenziselwa -
a ukukhupha imali-
ii ukuyekiswa kokusetyenziswa komhlaba weePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ,okanye ekukho ilungelo labucala kuwo, okanye kumhlaba onjalo ngokwemigaqo yecandelo 83 okanye iii ukuyekiswa kokusetyenziswa komhlaba we ePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika b ukubhatala inkcitho euenziwe ziiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ezidibene nokuphathwa kwale Ngxowa-mali
Kufuneka igosa lesiGqeba soLawulo a ligcine i-akhawunti yeNgxowa-mali ngokwahlukileyo kwezinye imali zeePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika; kwakhona b lithobele Umthetho wokuLawulwa kweMali zoLuntu
Inxenye 6: Jikelele
Amagunya okulawula oMphathiswa uMphathiswa -
a makajonge umsebenzi owenziwa ziiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika namagunya ayo b unokwalatha izithethe nemigaqo yokusebenza kwePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika namandla azo c unokukhupha izikhokelo kwiiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika nemilinganiso yokufumana izithethe nemigangatho.
d Alathe imida kwimirhumo emayibizwe ziiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika xa zisenza imisebenzi namagunya azo e Alathe umhlaba weepaki zesizwe ezintsha nokwandisa amaziko olondolozo-ndalo akhoyo
Kufuneka aMaziko oLondolozo-Ndalo eSizweenze imisebenzi athathe namagunya ngokulawulwa zizo naziphi na izithethe nemigangatho, izikhokelo nemimiselo ekhutshwa nuMphathiswa ngokwemigaqo yecandelwana 1
Ukungabikho kweBhodi esebenzayo
Ukungabikho kweBhodi esebenzayo , imisebezni namagunya eBhodi abhekiswa kuMphathiswa, oza kuthi yena , kumbandela onjalo , emze loo misebenzi nalo magunya de ifike iBhodi esebenzayo kwakhona.
ISAHLUKO 6
UKUFUNYANWA KWAMALUNGELO OKUMHLABA
Ukufunyanwa komhlaba osecaleni/wabucala ngurhulumente
 umphathiswa, ngokusebenzisana nelungu leKhabhinethi onoxanduva lemicimbi yomhlaba, unokufumana umhlaba osecaleni okanye naliphi na ilungelo okanye kumhlaba osecaleni, obukade okanye ekucetywa ukuba ubhengezwe nje okanye ufakwe kummandla okhuselekileyo wesizwe,ngu a athenge umhlaba okanye ilungelo;
b stshintshise ngomhlaba okanye abe nelungelo komnye umhlaba okanye amalungelo, okanye c ahluthe umhlaba okanye ilungelo ngokwemigaqo yoMthetho woKuhlutha ,wowe 1975 uMthetho No. 63 wowe 1975, ukuba akukho sivumelwana kufikelelwe kuso nomnini-mhlaba okanye nesiqinisekiso selo lungelo.
iLungu lesiGqeba loLawulo lemimandla ekhuselekileyop kwiphondo, elisebenza ngokuvumelana neBhunga loLawulo lephondo, angafumana nawuphi na umhlaba ose aleni, okanye naliphi na ilungelo, elithe okanye elicetywa ukubhengezwa nje okanye lifakwe kummandla okhuselekileyo lephondo, ngoku-
a thenga umhlaba okanye ilungelo;
b kutshintshisa ngomhlaba okanye ngelungelo lomnye umhlaba ;okanye c hluthe umhlaba okanye ilungelo ngokwemigaqo yoMthetho woKuhlutha umhlba wowe 1975, ukuba akukhange kufikwe kwisivumelwana nomnini-mhlaba okanye onelungelo lokuwugcina.
Ukufunyanwa komhlaba osecaleni yiPaki yeSizwe yoMzantsi Afrika
 Amaziko oLondolozo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika, ngesivumelwano noMphathiswa osebenza njelungu leKhabhinethi onoxanduva lwemicimbi yomhlaba, unokuthi afumane umhlaba wabucala, okanye ilungelo kumhlaba osecaleni obucetywe ube bhengezwe nje okanye uqukwe kwipaki yesizwe-
a ngokuthenga umhlaba okanye ilungelo; okanye b ukuba umhlaba okanye ilungelo linikezelwe okanye lingumyolelo , ngokwamkela isipho okanye umyolelo lowo.
amaZiko oLondolozo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika ayaphosa ukuvuma kwixabiso lentengiso yomhlaba okanye kwilungelo ngokwemigaqo yecandelwana 1 a, uMphathiswa unokuthi endaweni yePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika okanye urhulumente ahluthe umhlaba okanye ilungelo ngokwemigaqo yoMthetho wokuHlutha umhlaba ,wowe 1975 uMthetho No. 63 wowe 1975
Ukuyekiswa kwebhondi yomhlaba ,okanye ofunyenwe bucala kwi okanye ku mhlaba karhulumente
 uMphathiswa, osebenza ngokuvumelana nelungu leKhabhinethi elinoxanduva nomsebenzi woluntu, unokuthatha amanyathelo afanelekileyo okuyekisa ibhondi kumhlaba karhulumente ofunyenwe bucala obuthe okanye ucetywa ukubhebgezwa njengo okanye ufakwe kummandla okhuselekileyo wesizwe.
iLungu lesiGqeba loLawulo lemimandla ekhuselekileleyo , elisebenza ngokuvumelananeLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lomsebenzi woluntu kwiphondo, linokuthatha nawaphi na amanyathelo okuyekisa ibhondi kumhlaba wephondo, okanye konelungelo lawo labucala e okanye kumhlaba wephondo, obuthe okanye ucetywa ukubhengezwa nje okanye uqukwe kummandla okhuselekileyo.
Ukuba uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo alikwazi ukuvumelana nomnini-mhlaba apho ibhondi ibhaliswe ngaye okanye umntu onelo lungelo, uMphathiswa okanye iLungu lesiGqeba loLawulo linokuyiphelisa lo bhondi ngokwemigaqo yoMthetho yoKuhlutha ,wowe 1975 uMthetho No. 63 wowe 1975
Ukupheliswa kwebhondi e, okanye kumalungelo abucalaki, okanye e, kumhlaba waMaziko oLondolozo eSizwe oMzantsi Afrika
 iiPaki zeSizwe zoMzantsi Afrika zinokuthatha amanyathelo afanelekileyo okuphelisa lo bhondi kumhlaba wePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika, okanye konelungelo lawo labucala okanye kulo mhlaba , obu, okanye ocetywa ukubhengezwa nje okanye ufakelelwe kwipaki yesozwe.
Ukuba iPaki ueSizwe yoMzantsi Afrika ayikwazi kufikelela kwisivumelwana nomnini-mhlaba enhaliswe ngaye ibhondi okanye lowo unelungelo lokuwugcina, uMphathiswa unokuthi endaweni yeePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika okanye urhulumente ahluthe lo bhondi okanye abenelungelo ngokwemigaqo yoMthetho wokuHlutha ngokwemigaqo yoMthetho wokuHlutha , wowe 1975, uMthetho No. 63 wowe 1975
Amalungelo kwizimbiwa
 uMphathiswa unokuthi ngokwemigaqo yecandelo 80 81 82 okanye 83 , lize iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lemimandla ekhuselekileyo kwiphondo ngokwemigaqo yecandelo 80 okanye 83 , lifumane okanye liphelise ilungelo lezimbiwa ngendlela yokuhlutha qha ngokuvumelana nelungu lKhabhinethi elinoxanduva lwezimbiwa nemicimbi yamandla
Ukufaka imali
 uMphathiswa onokukubhatalela ukufunyanwa komhlaba osecaleni okanye ilungelo okanye kumhlaba osecaleni ngokwemigaqo yecandelo 80, okanye aphelise ibhondi ku okanye kwilungelo lomhlaba wabucala ku okanye e okanye kwilungelo lomhlaba wabucala ku okanye kumhlaba karhulumente ngokwemigaqo yecandelo 82, ukusukela-
a kwimali esetyenziselwe esi sizathu yiPalamente; okanye b yiNgxowa-mali yokuFumana uMhlaba woLondolozo-ndalo yeSizwe, ngokuvumelana naMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe eMzantsi Afrika.
Amaziko oLondolozo-ndalo eSizwe oMzantsi Afrika makakhuphe imali yokuthengwa komhlaba wabucala okanye ilungelo ku okanye kumhlaba wabucala ngokwemigaqo yecandelo 81, okanye ekuphelisweni kwebhondi kwi, okanye kwilungelo lomhlaba wabucala e okanye ku, mhlaba we ePaki zeSizwe zoMzantsi Afrika ngokwemigaqo yecandelo 83 ukusukela-
a kwimali zaMaziko oLondolozo-ndalo eSizwe oMzantsi Afrika; okanye b kwiNgxowa-mali yukuFunyanwa koMhlaba ziiPaki zoMzantsi Afrika, ngokuvumelana noMphathiswa
ISAHLUKO 7
UKULAWULWA KWALO MTHETHO
Ukulawulwa nguMphathiswa
 UMphathiswa unokwenza imithetho-
a amisele umbandela onokumiselwa ngokwemigaqo yaloMthetho; kwakhona b abele amagunya ongezelelekileyo nemisebenzi kumagunya aphetheyo, c elawula-
okanye v ukusetyenziswa komhlaba namanzi kwimimandla ekhuselekileyo d ukunqanda nokuqhobosha -
i imisebenzi eyochaphazela kakubi imimandla ekhuselekileyo ii ukusebenzisa amajelo eyantlukwano kweze ndalo kwimimandla ekhuselekileyo iii umhlaba osetyenziswa kwimimandla ekhuselekileyo eyingozi kokusingqongileyo e ukubonelela ngokusekwa kwekomiti ezicebisayo zemimandla ekhuselekileyo, ukuqeshwa kwamalungu neendima zawo f ukubeka izithethe nemigangatho yokuphatha imimandla ekhuselekileyo, kuquka nayiphi na imibandela elapha ngasentla, okanye g ukubonelela nangawuphi na omnye umbandela ofanelekileyo ekulungelelanisweni kokumiselwa kwaloMthetho.
nawuphi na umthetho onemali eyaneleyo unokwenziwa kuphela ngokuvumelana nelungu leKhabhinethi elinoxanduva lezemali
Ngaphambi kokupapashwa nawuphi na umthetho ngokwemigaqo yecandelwana 1, uMphathiswa makapapashe uyilo mthetho kwiGazethi ukuze uluntu luphefumle/ lunike amagalelo
Ukulawula kweLungu lesiGqeba loLawulo
 iLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lokukhusela imimandla linokwenza imithetho yemimandla ekhuselekileyo lephondo okanye ingingqi kwiphondo-
akwabelwe amagunya ongezelekileyo nemisebenzi kumagunya okuphatha yalo mimandla ikhuselekileyo;
i wokuphathwa kweyantlukwana ngokwendalo nowokulondolozwa kwendalo kulo mimandla ikhuselekileyo ii ukusetyenziswa kwamajelo ezendalo kwimimandla ekhuselekileyo ukuqinisekisa ukuphila kwalo majelo;
iii u kufikelela kwimimandla ekhuselekileyo iv ukhenketho kulo mimandla ikhuselekileyo apho ukhenketho l luvunyiweyo khona;
iv imisebenzi enokuqhutywa ngokwemigaqo yecandelo 50 ; okanye v ukusetyenziswa komhlaba namanzi kwiindawo ezikhuselekileyo c ukunqanda nokuqhobosha-
iimisebenzi eyichaphazela kakubi imimandla ekhuselekileyo ii ukusetyenziswa kwamajelo kwimimandla ekhuselekileyo xa kuyimfuneko ukuqinisekisa ukuphila kwalo majelo; okanye ii ukusetyenziswa komhlaba okwimimandla ekhuselekileyo eyingozi kokusingqongileyo; okanye d ukubonelela ngokusekwa kwekomiti zemimandla ekhuselekileyo, ukuqeshwa kwamalungu neendima zawo okanye e ukubonelela ngawo nawuphi na omnye umcimbi oza kulungelelanisa ukumiselwa kwalo Mthetho ngokubhekiselele kwimimandla ekhuselekileyo
) Imithetho eyenziwe ngokwemigaqo yecandelo mayingamane nezithethe nemigangatho echazwe kwicandelo 11 okanye 86 (10 (f)
Nawuphi na umthetho ofuna imali eninzi kwiphondo kufuneka wenziwe ngokuvumelana neLungu lesiGqeba loLawulo elinoxanduva lezemali kwiphondo
Ngaphambi kokupapashwa nayiphi na imithetho ngokwemigaqo yecandelwana 1, kufuneka iLungu lesiGqeba loLawulo lipapashe uyilo lomthetho kwiGazethi ukuba uluntu luphefumle/okanye lunike amagalelo
Jikelele
 Imithetho eyenziwe ngokwemigaqo yecandelo 86 okanye 87 ino a inqande okanye ithintele nawuphi na umthetho ngokungenaziqhobosho okanye ngokunezoqhobosho b isebenze-
h nje jikelele kwiRiphabliki yonke okanye kwiphondo, njengoko kufanelekile okanye kumbandla othile qha okanye kwicandelo lemimandla iii nje jikelele kubo bonke abantu okanye kumahlelo athile abantu oknye iv nje jikelele ngokubhekiselele kuzo zonke izidalwa eziphilayo ezincinci okanye amahlelo ezidalwa ezincinci eziphilayo c Ukwahluka phakathi-
i imimandla eyohlukeneyo okanye amahlelo awohlukeneyo iii abantu okanye mahlelo abantu; okanye iv izidalwa eziphilayo ezincincio okanye amahlelo ezidalwa ezincinci
Imithetho eyenziwe ngokwemigaqo yecandelo 86 okanye 87 ethi, xa kufanelekile ibonelele nawuphi na umntu owaphula okanye ongaphumeleliyo ukuthobela eli lungiselelo ngoko unetyala lokwaphula umthetho , agwetywe-
a avalelwe ixesha elingagqithanga kwiminyaka emihlanu b isigwebo /umdliwo omfanelayo c zombini oko kugwetywa nalo fayini ukwandiswa kwamathuba uMphathiswa angalandisa, okanye angamamkeli umntu ongaphumelelanga ukuthobela amathuba lawo ngokwemigaqo yaloMtheth , ngaphandle kwexesha eliquka noMphathiswa.
ISAHLUKO 8
Amatyala
Umntu ufunyanwa enetyala ukuba lo mntu-
a xa esaphula, okanye engathobeli ilungiselelo lecandelo 45, 46,47,48 okanye 50 5
b xa esaphula ilungiselelo lesaziso esikhutshwe ngokwemigaqo yecandelo 51
c ephazamisana negunya eliphetheyo, ekwenzni imisebenzi yalo esemthethweni; okanye athethe into engekhoyo sithi ulilungu lestafu legunya eliphetheyo, okanye uyitoliki okanye umncedii wegosa elinjalo.
Izohlwayo
Umntu ofunyenwe enetyala phambi kwecandelo 90 uza kugwetywa ahlale etrongweni isithuba esingekho ngaphezu kweminyaka emihlanu okanye anikwe ifayini emfaneleyo okanye zombini oko kugwetywa nalo mdliwo/fayini
ISAHLUKO 9
Ukuguzulwa koMthetho
 umthetho oxelwe kuludwe lwesibini loluhlu kwiShedyuli iguzulwe ngokwendawo exelwe kuludwe lwsithathu ngokulawulwa licandelwana 
Ugcino-mali
 Nayiphi na enye into eyenziwe ngokwemigaqo yokuguzulwa kwemithetho ngokwecandelo 92 enokuthi yenziwe okanye emayenziwe ngokwemigaqo yaloMthetho mayithathwe ukuba yenziwe ngokwemigaqo yaloMthetho.
Umntu othe ngoko nangoko phambi kokuguzulwa koMthetho waMaziko oLondolozo-ndalo wowe 1976, wa-
a belungu leBhodi yePaki yeSizwe , kwakhona walilungu leBhodi yePali yeSizwe soMzantsi Afrika kangangesithuba esingaphelelwayo lixesha ekuthe lo mntu waqeshwa njengelungu le Bhodi ibixelwe kuqala;okanye c usihlalo weBhodi yePaki yeSizwe abe ngusihlalo weBhodi yePaki yeSizwe soMzantsi Afrika ithuba elingaphelelwayo ethe lo mntu waqeshwa njengosihlalo weBhodi ibixelwe kuqala
Imimandla ekhoyo ekhuselekileyo
(I) Amaziko oLondolozo-ndalo oMzantsi Afrika-
a ligunya eliphetheyo lawo nawuphina ummandla okhuselekileyo ethi iyilawule ngoko nangoko emva kokusebenza kweli candela ngaphandle kokwabelwa nguMphathiswa ngokwemigaqo yalo Mthetho; kwakhona b makalawule ummandla ngokwa-
i loMthetho, kwakhona nasiphi na isicwangciso ngokwemigaqo yeSahluko 4 sommandla; kwakhona ii naziphi na iimeko ezikhoyo nezivumelwano ezisebenza kulo mmandla
Ilungu lombuso karhulumente elilawula ummandla okhuslekileyo ngoko nangoko phambi kokuba eli candlo lisebenze, ngaphandle kommandla okhuselekileyo ekubhekiswa kuwo kwicandelwana 1 maliqhube lilawula ummandla de umphathi walo mmandla abele kulo okanye kwelinye igunya lokuphatha ngokwemigaqo yeSahluko 4
Isihloko esifutshane nokuqaliswa
 Lo Mthetho uza kubizwa njengowo kuLawulwa okuSingqongileyo kweSizwe: uMthetho woKukhusela iMimandla , wowe 2003, oza kuqalisa ngomhla oxelwe nguMongameli ngesihlokomiso.
Ingaxelwa imihla eyohlukeneyo ngokwemigaqo yecandelwana 1 ukulungiselela amalungiselelo awohlukeneyo aloMthetho
ISHEDYULI
UKUGUZULWA KWEMITHETHO
Icandelo 92
